Ongasekhoyo uSam Nujoma kunye noMongameli uCyril Ramaphosa.
Urhulumente waseNamibia ubhengeze ukuba uza kuqhuba inkonzo yokukhumbula ubomi, igalelo nomsebenzi owenziwe ngubawo uSam Nujoma, kwiimpilo zabantu baseNamibia.
Inkonzo yokukhumbula eli gqala lomzabalazo iza kubanjelwa kwibala lemidlalo i-Independent Stadium, eWindhoek, elikomkhulu lela lizwe.
UNujoma ubhubhe kwiveki ephelileyo emva kokuhlaselwa yingulo isithuba seeveki ezimbini, emva kokungena esibhedlele uye walandulela eli.
Le yinkokheli engene namajoni weSouth West Africa People’s Organisation besilwela ukukhululwa kwela lizwe kurhulumente wasePitoli wengcinezelo.
Ngenxa yendima yakhe, uNujoma waya kuvalelwa eRobben Island ekunye noNelson Mandela, uRobert Sobukwe namanye amadela kufa.
UMongameli welizwe loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, uye wagqithisa amazwi ovelwano kusapho nakurhulumente welizwe laseNamibia. Ingxelo karhulumente waseNamibia ithi uNujoma uza kungcwatywa ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo eyoKwindla.
“Njengabamelwane namaqabane elizwe laseNamibia, sililizwe loMzantsi Afrika simanyene sivelana nabantu nosapho lukaMongameli uSam Nujoma,” utshilo uRamaphosa.
URamaphosa uthi imbali yomzabalazo yelizwe loMzantsi Afrika ifana ncakasana neyelizwe laseNamibia, ngokukodwa ngenxa yendima edlalwe leli gxibha linguSam Nujoma.
Related Topics: