Umama kaChidimma Adetshina ubanjwe eKapa.
Abaphandi beSebe lezeKhaya bencediswa ngamapolisa babambe umama kaChidimma Adetshina, uAnabela Rungo, kumzi oseKapa ngoMgqibelo.
ISebe larhoxisa isazisi sikaRungo saseMzantsi Afrika kweyoMsintsi wonyaka ophelileyo emva kokufumanisa ukuba safunyanwa ngobuqhophololo, nto leyo eyamenza ukuba angakufanelekeli ukuhlala eMzantsi Afrika.
“Ngesenzo esicacileyo sokungahoywa kwemiqathango esemthethweni ngenxa yokuziphatha kwakhe, kubonakala ngathi uRungo udelele ubume bakhe ngokuhlala nangona eneVisa ephelelwe lixesha ngepasi lakhe laseMozambique. Kusaqhutywa uphando ngamabango angeyonyani nobuqhophololo,” sitshilo isithethi seSebe lezekhaya uSiya Qoza.
Xa ebanjwa, kwafunyaniswa ukuba uhlala nomntwana ka’Adetshina oselula.
Kuthiwa iSebe lezeKhaya lisebenzisana neSebe loPhuhliso loLuntu kunye necandelo lamapolisa iSAPS Protection Unit njengoko lo mba ngoku unxulumene nokukhusela iimfuno zomntwana oselula.
Ubumi buka’Adetshina boMzantsi Afrika bathandabuzwa ngethuba ekwiTop 10 kukhuphiswano lukaMiss South Africa, abaninzi bebuza ukuba ingaba ungowalapha ngenene na ngenxa yegama lakhe. Oku kwakhokelela ekubeni arhoxe kukhuphiswano.
KweyeThupha kunyaka ophelileyo, iSebe lifumene ubungqina bokuba uRungo wenza ubuqhophololo obakhokelela ekubeni abe ngummi waseMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni ngo2001.