Amapolisa aseNelson Mandela Bay acela uncedo kuluntu ekulweni ubusela bemfuyo.
Amapolisa aseKariega acela uncedo kuluntu lokulwa umkhwa okhulayo wokubiwa kwemfuyo ochaphazela kakhulu amafama asekuhlaleni.
Ukwanda kolu lwaphulomthetho akukhokelelanga kwilahleko yemali kuphela, koko kubangele inkxalabo ngokhuseleko lwemfuyo kwisithili saseNelson Mandela Bay.
Ingxelo ithi ukusukela kwinyanga yeNkanga wonyaka ophelileyo, icandelo lokubiwa kwemfuyo nezilwanyana ezisemngciphekweni wokutshabalala libone ukwanda kweenkomo ezibiwa zixhelwe kwisithili saseNelson Mandela Bay, nalapho kuye kwaxelwa izehlo ezikumila kunje kwiindawo ezifana neKabega Park, Despatch, naseKariega.
Kuthiwa izaphuli mthetho eziba imfuyo zidla ngokuxhela ezi zilwanyana kwiindawo ezihlala kuzo, nto leyo ezishiya amafama nelahleko elimandla.
“Kwityala lakutshanje, umfama waseMimosadale, eRooihoogte, eKariega wafaka iinkomo zakhe ezisibhozo ebuhlanti ngoMvulo wale veki, malunga nentsimbi yesihlanu malanga.
“Kusasa ngosuku olulandelayo, wafika ubuhlanti bungenanto. Emva kokukhangela kule ndawo, ufumanise ukuba iinkomo zakhe ezintathu zixheliwe, eyesine yenzakele ngokumasikizi, ezine ezishiyekileyo zafunyanwa kamva,” sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg.
Amapolisa abongoza abahlali ukuba bahlale bethe qwa kwaye baxele nayiphi na into ekrokrisayo okanye ulwazi olungakhokelela ekubanjweni nasekutshutshisweni kwabenzi bobubi.
Nabani na onolwazi uyakhuthazwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi uWarrant Officer Mario Van Der Westhuizen ku079 896 7363 okanye ku041 994 9653 (ngexesha lomsebenzi) okanye umcuphi Warrant Officer Yvette Browers kule nombolo 082 414 1951.
Abantu banokutsalela umnxeba iCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye basebenzise iMySAPS app kwiifowuni zabo.