UMongameli waseBrazil uLuiz Inacio Lula da Silva.
UMongameli welizwe laseBrazil uLuiz Inacio Lula da Silva ugxeke kabukhali uMongameli welizwe laseMelika uDonald Trump ngento ayibiza ngokuba kukugxuphuleka kwiingxaki zamanye amazwe.
Oku kusemva kokuba uMongameli Trump egrogrise ngokurhoxisa inkxaso mali yelizwe lakhe kweli ngenxa yento athi kukuthathwa komhlaba kumaqela athile kweli.
“UTrump wonyulelwe ukulawula iMelika yakhe, akanyulelwanga ukuba alawule ihlabathi,” ugragrame watsho uLula da Silva.
UMzantsi Afrika ukuqhogene ngobudlelwane nelizwe laseBrazil kwindibanisela yamazwe eBRICS equka iBrazil, Russia, India, China kwakunye noMzantsi Afrika.
“UMongameli waseMelika kumele ukuba agxile ngokukodwa kwiingxaki zelizwe lakhe ahlukane nokufaka impumlo yakhe kwiingxaki zamanye amazwe,” kutsho uLula da Silva.
Ubutyhuthutyhuthu bukaTrump bungenza ukuba azibone engena engxakini yokuba nobutshaba namazwe amaninzi kwihlabathi.
Unozakuzaku weli eMelika, uEbrahim Rasool, uthi uququzelela ingxoxo phakathi koMphathiswa wemicimbi yezangaphandle kweli, uRonald Lamola, kwakunye norhulumente waseMelika malunga nentetho eyenziwe nguTrump.
“Ndimhlonipha kakhulu uTrump, kodwa asinakwamkela ukutshutshiswa kwamanye amazwe ngurhulumente waseMelika,” kutsho uLula da Silva.
UMongameli Lula Da Silva uthethe oku ngethuba ebethetha nephephandaba iFolha de S.Paulo kwikomkhulu laseBrazil.