Igutyungelwe lilifu elimnyama ingingqi yaseMqhekezweni eMthatha, oku kusemva kokubulawa kweNkosi kwanokudlwengulwa kwabafundi abahlanu bakaGrade 12, nto leyo eshiye abahlali bebambe ongezantsi.
Ezi ziganeko zenzeke ngobusuku bangoLwesibini, umhla wama29 kweyeDwarha 2024.
UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uthi amapolisa akwiphulo lokubamba abo benze ezi ziganeko zibini zingenalusini eMqhekezweni.
Kwisiganeko sokuqala, uNkosi uNogcinile Mtirara udutyulwe wabulawa kwindlu nkulu yaseMqhekezweni. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, uhlaselwe ngamadoda amabini angaziwayo enxibe iibhalaklava.
“Ityala lokubulala sele libhalisiwe, kwaye igqiza eliphandayo sele lisebenza kunye neengcaphephe zeSAPS zophando. Abacuphi bePhondo kwicandelo leSerious and Violent Crimes bakhokela eli gqiza ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa abenzi bobubi,” utshilo uMawisa.
Kwisehlo sesibini, abafundi abangamantombazana abahlanu besikolo samabanga aphakamileyo iJongintaba badlwengulwe bakhuthuzwa bekhonjwe ngemipu.
UMawisa ungqinile ukuba iNtloko yePhondo kwiCandelo loBundlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana noPhando loLwaphulo-mthetho lwezeSondo (FCS) lihlanganise igqiza eliza kuphanda kwaye libambe aba benzi bobubi.
Nabani na onolwazi onokuthi ancede ekufumaneni aba barhanelwa uyabongozwa ukuba aqhakamshelane nenombolo yeSAPS Crime Stop ku-08600 10111 okanye atyelele isikhululo samapolisa esikufutshane.