Umfanekiso wesidumbu kwindawo yokugcina izidumbu. Umfanekiso: iStock
Umbutho wabasebenzi bakarhulumente (PSA), uthi kutsha nje utyelele iindawo ezahlukeneyo zokugcina izidumbu kwiMpuma Koloni iphela nalapho ufumanise iimeko ezothusayo ezifuna ungenelelo olukhawulezileyo.
I-PSA ibongoza uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, ukuba alungise le miba ngokukhawuleza kwaye athathe amanyathelo okuqinisekisa ukuthotyelwa kwemigangatho yezempilo nokhuseleko kwiindawo zokugcina izidumbu.
Lo mbutho uthi ufumene iingxelo ezibonisa ukuba izidumbu ezingachazwanga zigcinwe kwiindawo zokugcina izidumbu ezohlukeneyo ukusukela ngo2019 ngenxa yokulibaziseka kwamalungiselelo okungcwatywa okanye ukususwa kuloo ndawo.
“Kukwakho nemingeni yeziseko zophuhliso, apho izakhiwo zinengxaki yokungalungiswa kakuhle. Okukhwankqisayo kukuba ezinye iindawo zokugcina izidumbu zisebenzisa iikhonteyina ukugcina izidumbu – oku kuyasilela ukuhlangabezana nemigangatho yezempilo yokugcinwa ngokufanelekileyo kwezidumbu,” itshilo iPSA kwingxelo.
I-PSA yathi iphinde yafumanisa ukuba abasebenzi basebenza phantsi kweemeko ezinobungozi ngaphandle kwezixhobo ezifanelekileyo kunye nempahla yokuzikhusela efanelekileyo.
“Izixhobo ezibonelelwayo zihlala zingekho mgangathweni kwaye azifikeleli kwiimfuno zeBhunga leMigangatho laseMzantsi Afrika (South African Bureau of Standards) kolu hlobo lomsebenzi. Ukulibaziseka kokuhanjiswa kwezi zixhobo kunegalelo kumngcipheko.
“Ukunqongophala kwabasebenzi kuhlala kungumngeni omkhulu, nto leyo enyanzela abasebenzi ukuba basebenze ixesha elongezelelekileyo. Oku kudla ngokudlulela ngaphaya koko bakuqeqeshelwe ukukwenza. Ukunyuswa kwabasebenzi, ingakumbi oogqirha abaninzi, kuyimfuneko ukuze kulungiswe le miba,” itshilo iPSA.
Lo mbutho ukwahlaba ikhwelo lokuba kususwe okanye urhulumente angcwabe ngokukhawuleza izidumbu ezingenabani esele zineminyaka zigcinwa kwezi ndawo zokugcina izidumbu.