UMihlali Msithiseli, 27, linenekazi lelali yaseNxwashu, eQonce. Umfanekiso: Uthunyelwe
Nangona inenekazi laseQonce likhulele kwiindawo ezitsala nzima kwicala lentlalo noqoqosho - kodwa lisebenza ngokuzimisela ukuze limele uMzantsi Afrika kwiqonga lehlabathi. UMihlali Msithiseli, 27, ukuthethe oku kwincoko abenayo nentatheli yeli phephandaba ekuqaleni kwale veki.
Le ntokazi yelali yaseNxwashu ixakekile ngamalungiselelo okhuphiswano loonobuhle ekuthiwa nguMiss Hotlegs SA ngomhla wesithathu kwinyanga yeNkanga. Nakubeni ukhuphiswano lingobuhle nokumila komzimba kwamanenekazi - kodwa ngoku izinto zaguquka, abathatha inxaxheba banikwa uxanduva lokushumayela intlalontle eluNtwini.
“Ndayithanda le nto ukusukela ngonyaka ka2017 ngoba ukuba yinxalenye yoonobuhle kwandivula ingqondo,” utshilo uMsithiseli okhule engumntu ongazithembanga ngenxa yemeko akhule phantsi kwayo. Kwakhanya kakhulu kuMihlali emva kokungena kuMiss National SA owawuseThekwini ngo2021.
Emva koko wakhuthazeka wangena kuMiss King Williams Town - awafumana kuye indawo yesibini. Ngokuzigxama kuMiss World SA nakuMiss Hotlegs SA ukuzithemba kwakhe kwakhula ngendlela encomekayo.
“Ngokungena koonobuhle ndandizama ukulwa noloyiko lwento endingayaziyo. Ndandisilwa nengcingane ethi andingeke ndiphumelele futhi asoze ndibe ngumntu ophumeleleyo ebomini bam. Kuhle ngoba ndakwazi ukuzilwa ezo zinto.
“Ndibulela kakhulu abantu abandincedileyo endleleni yam,” utshilo uMsithiseli ongumsunguli kaMiss Unolali. Uthe into yonoobuhle intle ngoba iqoqosha izimilo zabantu abatsha, ibalungiselele ubomi obuzayo futhi ikuchasile ukusetyenziswa kweziyobisi ngeendlela zonke.
Njengokuba esiya kumjikelo wokugqibela kaMiss Hotlegs SA oza kube useBarnyard Theatre, eGoli, emini ngeCawe, uMihlali unethemba lokubuya ethwele isithsaba kuzalisekiswe umnqweno wakhe wokuphakamisa ifulegi yoMzantsi Afrika. “Iphupha lam kukumela ilizwe lam kwinqanaba lehlabathi. Ndinethemba lokuba iza kwenzeka lo nto njengokuba ndisiya eGoli.
“Injongo yam ayikokuphumelela nje kuphela, ndifuna ukubalisa ibali lam, ndimele indawo yam ndizenzele igama eqongeni,” utshilo uMihlali.
Ophumelele uMiss Hotlegs uza kumela uMzantsi Afrika kumaqonga ehlabathi aquka uMiss Multiverse, Miss Heritage okanye uMiss Global International.