Iinkokeli ebezizimase inkomfa yeBRICS eKazan, Rashiya. Umfanekiso: GCIS
UMongameli welizwe laseRashiya, uVladimir Putin, ubambe indibano noMongameli welizwe laseVenezuela, uNicolas Maduro, ngethuba kuqukunjelwa inkomfa yeBRICS eKazan.
UMongameli waseRashiya uPutin udize ukuba injongo yentlanganiso yakhe noMaduro ijoliswe ukwamkela iVenezuela kwiBRICS.
“Ngamazwe angaphezulu kwamashumi amathathu ancwase ukuzibandakanya neBRICS emva kwale nkomfa, oko kuthetha ukuba iyakhula inkxaso yethu kwihlabathi,” kutsho uPutin.
Le nkomfa ifikelela esiphelweni emva kokuba iqale kakuhle ixhaswa ngamazwe angamalungu nalawo anqwenela ukuba ngamalungu.
UMongameli weli, uCyril Ramaphosa, umemelele ukuba iBRICS isebenzele ukuguqula imeko yehlabathi ngokubanzi.
“Kumele ukuba sisebenzele ukuguqula imeko yehlabathi size neendlela zokwenza izinto ngohlobo olahlukileyo, injongo ibekukuba ihlabathi liphucuke logama lisebenzisa iindlela ezizizo,” kutsho uRamaphosa.
URamaphosa umemelele ukuba kusetyenziswe amacebo ahambelana nala maxesha ukuze kuphungulwe imilo nemfazwe kwihlabathi.
Amajelo eendaba nabezopolitiko bamgxekile uRamaphosa ngelithi akathethanga nto icacileyo malunga nemfazwe eqhubeka phakathi kwelizwe laseRashiya neUkraine.
Ukanti uRamaphosa usebenzise le nkomfa ukuthethana noMongameli welizwe laseIran ngeenjongo zokuqinisa ubuhlobo egameni loMzantsi Afrika.