Iindaba

Matric2024: UGwarube uthi izinto zihamba ngomgca, nangona kukho amaginxiginxi

Cwayita Nondula|Published

USiviwe Gwarube onguMphathiswa weMfundo esiSiseko. Umfanekiso: GCIS

USiviwe Gwarube onguMphathiswa weMfundo esiSiseko. Umfanekiso: GCIS

UMphathiswa weMfundo esiSiseko, uSiviwe Gwarube, uthi nangona kukho iingxaki ezimbalwa ezifana nemozulu embi eGqeberha eMpuma Koloni, uvavanyo lulonke lubonisa isiqalo esihle kwiimviwo zokuphela konyaka zika2024 zebanga leshumi.

UMphathiswa ebechazela iKomiti yePalamente yeSebe leMfundo esiSiseko malunga nemeko yokulungela iimviwo zeNational Senior Certificate (NSC) zika2024 ngoLwesibini.

Uthi izandyondyo zemvula eGqeberha ziphazamise abafundi abamalunga namakhulu amane (400), ebekufanele ukuba babhale izifundo zeComputer Studies.

“Badinga umbane ukuze babhale eli phepha kodwa, ngenxa yomonakalo wezikhukula kwiintambo zombane, abazokwazi ukubhala iimviwo ngendlela efanelekileyo namhlanje (ngoLwesibini) eGqeberha,” utshilo uGwarube.

UGwarube uthe isebe lakhe liyibeke esweni imeko yaseGqeberha.

UMphathiswa uqinisekise ukuba amanye amaphepha sele elungisiwe aza avunywa nguMalusi ukukhawulelana neemeko ezinje ebezingalindelekanga. Ukwathe ziyaqhubeka iinzame zokuqinisekisa ukuba abafundi abachaphazelekayo abadlelwa ndlala.

UGwarube uthe uMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika kunye namaqela olawulo lweentlekele asekuhlaleni akulungele ukunceda.

UMphathiswa ukwaqinisekise ukuba amaphepha eemviwo aye alungiswa apha naphaya ukulungiselela abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa nabafumana izithintelo ekufundeni.

UGwarube uthe isebe lanelisekile kukuba bonke abafundi bebanga leshumi ababhala iimviwo zika2024 bazilungiselele kakuhle, ngokwekharityhulamu yalo nyaka.

Ukwathe ootitshala basebenze nzima ukuqinisekisa ukuba ikharityhulamu ifundiswa ngokupheleleyo kulo nyaka.

Ethetha noonondaba ePitoli ngeCawe, uGwarube uthe basebenzisana neNational Joint Operational Centre (NATJOC) ukuqinisekisa ukuqhuba kakuhle kweemviwo.

“Sisebenzisana ngokusondeleyo neNATJOC kunye neProvincial Joint Operations Committees (PROVJOC) ukuqinisekisa ukuba ukhuseleko luhlala lugciniwe. Ezi ntsebenziswano ziza kusinceda ukuba silawule naziphi na iingozi ezivelayo kwaye siphendule ngokukhawuleza kuzo naziphi na izoyikiso ezinokuvela,” utshilo uGwarube.

UMphathiswa ugxininise ukuba isebe alinakulunyamezela naluphi na uhlobo lobuqhophololo kwaye abasemagunyeni bazakuyibek’ esweni inkqubo yeemviwo.

“Abafundi kufuneka bathembise ukuba abayi kukopa. Oku kunefuthe elikulu kwikamva lakho ukuba ufunyaniswe ukuba ukopile kwaye asizukuyinyamezela loo nto,” utshilo uGwarube ethetha noonondaba ngeCawe.

UGwarube ukubethelele ukuzibophelela kwesebe ekuqinisekiseni inkqubo yeemviwo enobulungisa neselubala, ethembisa ukuba amanyathelo angqingqwa aye amiselwa ukuxhasa ukuthembeka kweemviwo.

Bangaphezulu kwesigidi ababhalisele ukubhala iimviwo zabo zokugqibela zebanga leshumi xa bebonke, abangama882 336 kweli nani babhalisele ukubhala iimviwo zeNSC. Kukho ama727 121 abafundi abasisigxina, ngelixa i155 215 ingabafundi bexeshana. Iimviwo ziyakuqhuba de kube ngumhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeNkanga.