Iqalile inkomfa yeBRICS eRashiya. Umfanekiso: GCIS
Iqale ngokusemthethweni inkomfa yendibanisela yeBrazil, Rashiya, Indiya, Tshayina kwakunye noMzantsi Afrika eKazan kwelaseRashiya. Le ndibanisela yasungulwa ngamazwe aquka iRashiya, Brazil, Tshayina kwakunye neIndiya, ilizwe loMzantsi Afrika langenelela ngonyaka ka2010 njengelungu.
Okona kuphambili kula mazwe kukusebenzisana kwimicimbi yokhuseleko, urhwebelwano kwakunye nezinye iinkqubo zophuhliso.
Kunyaka ophelileyo, le nkomfa ibibanjelwe kweli loMzantsi Afrika nalapho uMongameli welizwe laseRashiya, uVladimir Putin, wanyanzeleka ukuba angezi ngenxa yezoyikiso zeMelika namahlakani ayo.
UMongameli weli, uCyril Ramaphosa, uthi ngenene iqalile le nkomfa kwaye iqhuba ngaphandle kwengxaki. “Eyona nto ikhokeleyo kukuba abaphathiswa bezimali banike iingxelo zabo ngokukodwa ngomcimbi webhanki esidibanisa sisonke singamazwe angamalungu,” kucacisa uRamaphosa.
Uthi amazwe angamalungu weBRICS kumele ukuba asebenzisane ngamandla kwimicimbi equka ubuxhakaxhaka bala maxesha.
“Umcimbi wokuphucula izinga lobuchwephesha ngomnye wemiba ephambili, urhwebelwano neendlela zokukhulisa uqoqosho kumazwe angamalungu,” kutsho uRamaphosa.
Kunyaka ophelileyo, amazwe amaninzi wehlabathi abonise umdla wokuzibandakanya neBRICS – kuwo singabalula iEthiopia, Iran, Egypt namanye amazwe.
URamaphosa ukwela lizwe ephahlwe ngamagosa aphezulu aquka abaphathiswa borhulumente wakhe. Kulo nyaka, uMzantsi Afrika uxhamle kwilizwe laseTshayina ngenxa yentsebenziswano abanayo bengamalungu weBRICS.