Abafundi bebhala iimviwo zabo. Umfanekiso: Armand Hough / Independent Newspapers
Ziyaqala iimviwo zokuphela konyaka zebanga leshumi kuzwelonke, kwaye zibonakele iimpawu zomsebenzi onzima owenziwe ngootitshala.
Ukusukela oko uqalile lo unyaka, ootitshala kwiindawo nakwizikolo ezahlukeneyo baqalise ukusebenza nzima bencedisana nabafundi bebanga leshumi ukuba baphumelele.
Oku ungakuqaphela ngokuba uninzi lwezikolo zeMpuma Koloni zingene kwangoko kwinkqubo yokufundisa abantwana ngempelaveki, amaxesha ongezelelweyo kwanokungavali ngeeholide ezithile.
Konke oku kubonisa ukuba ngenene aba titshala banqwenela ukubona izikolo zabo ziphumelela, zidlale indima kwimpumelelo yephondo ngokubanzi.
Le yimpelaveki apho iinqununu namasekela azo zizinxadanxada zilungiselela ukuncedisana nabafundi ukuba baphumelele.
Uninzi lwezi zikolo luqale iphulo lokufundisa abantwana behlala ngaphakathi esikolweni nangona zingenayo indawo yokuhlalisa.
Oku kunyanzela ootitshala ukuba basebenze ixesha eligqithileyo ngokuthi bakhathalele ukutya kwaneendawo zokulalisa abafundi.
Kwesinye isikolo sincokole nootitshala abasixelele ukuba banyanzeleka ukuba batshintshane ukuzama ukuqwalasela ukuba abafundi bahlala kakuhle kwiinkampi ezisezikolweni.
“Abanye bangena ekuseni baphume emva kwemini, abanye bangena ngorhatya kude kubesezinzulwini zobusuku, kodwa konke kusahamba kakuhle, abafundi bakulungele ukubhala ngempumelelo,” kutsho utitshala.
Iiholide zasebusika abasazazi ootitshala ngenxa yokuba besebenzela ukuncedisana nabafundi babo. EMpuma Koloni kubonakale ingxaki yokungafumaneki kweemoto zokuthutha abafundi ngenxa yobu athalala kumagosa eSebe, kodwa kunjalo baqhubile ootitshala.
Ukuhlaliswa kwabafundi bebanga leshumi ezikolweni ngeli xesha kunceda ukuba bangahambi imigama emide, bafumane ithuba lokuxoxa ngezifundo, logama bekwafumana ithuba lokusabela okokugqibela kootishala babo.
Ngeli xesha abafundi badla ngokudibana neengxaki zokuqutyulwa zizigulo ezingxamileyo, kwaye nemeko zemimoya emdaka nazo zifumana ithuba.