Iindaba

Isebe lezekhaya lilumkisa abantu abaneencwadi zezazisi eziluhlaza

Cwayita Nondula|Published

Isebe lezekhaya lifuna ukuphelisa iincwadi zezazisi eziluhlaza eMzantsi Afrika ukuze kuthintelwe ubuqhophololo obuxhaphakileyo bezazisi kunye nokubiwa kwezazisi.

Isebe lilumkise abemi boMzantsi Afrika abasasebenzisa iincwadi zezazisi eziluhlaza nabangekazitshintshi basebenzise amakhadi esazisi (Smart ID), kuba basesichengeni sokubelwa izazisi.

Kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa wesebe lezekhaya, uLeon Schreiber, wabelane ngesicwangciso esitsha seminyaka emihlanu sokwenza iinkonzo zesebe lakhe zifumaneke kumnatha, digital-first ngolwasemzini.

Olu tshintsho lujolise ekwenzeni kube lula kubemi boMzantsi Afrika ukusebenzisa iinkonzo zesebe lezekhaya, kwaye bafumane oko bakudingayo. Esi sicwangciso sitsha sibizwa ngokuba, yi-Home Affairs @ Home.

“Kule minyaka mihlanu izayo, zonke iinkonzo zesebe kufuneka zisebenze kwaye zifumaneke ngokupheleleyo kumnatha,” utshilo uSchreiber.

Ufuna abemi boMzantsi Afrika bakwazi ukuhlaziya iincwadi zokundwendwela zabo okanye bafake izicelo zekhadi lesazisi ezitsha ngaphandle kokuya ngqo kwiofisi yesebe lezekhaya.

ISebe Lezekhaya liphuhlisa inkqubo esebenzisa ubuxhakaxhaka bokuqinisekisa ubuso (facial recognition), kunye nebhayometriki ukukhusela izazisi zabantu.

Elinye inyathelo elikhulu sisicwangciso sikaSchreiber sokuthumela iincwadi zokundwenwela, amakhadi esazisi, kunye namanye amaxwebhu ngqo kumnyango womntu.

USchreiber uthe izicelo zomnatha kunye nokuthunyelwa kwamaxwebhu emakhayeni yinkonzo eya kufumaneka kubantu abahlala eMzantsi Afrika nakumazwe angaphandle.

“Ngelixa sisakha le nkqubo, isebe lezekhaya liyakwandisa ukufikeleleka kwalo. Sele sinobudlelwane obukhoyo neebhanki neevenkile ezithengisayo,” utshilo uSchreiber.

Kwabo bangafuni ukulinda nabafuna ukuphepha ukutyelela iofisi yesebe lezekhaya, bangafumana ikhadi elitsha lesazisi kwisebe lebhanki. Le nkonzo inceda ukwenza inkqubo ikhawuleze, ikwanciphise ixesha lokufola.

Kuthiwa kungoku nje le nkonzo ifumaneka kumasebe eebhanki ezimalunga namashumi amathathu (30), eAbsa, Discovery Bank, FNB, Nedbank, neStandard Bank kweli.