Iindaba

Amapolisa abambe abarhanelwa, afumana ixhoba ebhuthini

Cwayita Nondula|Published

Imoto eqweqwedisiweyo emva kwengozi ebangelwe ngabarhanelwa abebebaleka amapolisa. Umfanekiso: SAPS

Imoto eqweqwedisiweyo emva kwengozi ebangelwe ngabarhanelwa abebebaleka amapolisa. Umfanekiso: SAPS

Ngorhatya lwangoMgqibelo umhla we12 kweyeDwarha 2024, amapolisa aseNew Brighton, eGqeberha, aqhube iphulo ngeenzame zokulwa ulwaphulo-mthetho kwindawo yaseNew Brighton.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uCaptain Sandra Janse Van Rensburg, eli phulo libandakanye ukujikeleza okanye ukupatrola kwindawo yaseMahambahlala, nalapho kubonwe imoto emhlophe yohlobo lweVW Polo enabantu abahlanu ekrokrisayo emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku (23:20).

Ngethuba amapolisa ezama ukumisa nokugqogqa le moto kwisitalato iSeyisi, eNew Brighton, abarhanelwa babaleka nemoto, nto leyo eyakhokelela ekubeni amapolisa aleqe le moto ngesantya esiphezulu.

UJanse Van Rensburg uthi amalungu eSAPS New Brighton acela uncedo kwezinye iimoto ezazipatrola, ze ekugqibeleni umqhubi woyiswa kukulawula imoto wangquzulana neendonga zendlela ejikelezayo eMavuso Street, M17, kunye neSeyisi Street.

Umpu osetyenziswe ngabarhanelwa oye wathathwa ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Abarhanelwa abathathu baphume emotweni bengenawo nomkrwelo, bathulula iimbumbulu kumapolisa. Abarhanelwa ababini bakwazile ukubaleka, kodwa kamva omnye wabanjwa enompu. Umqhubi obevaleleke ngaphakathi emotweni ngenxa yale ngozi naye wabanjwa.

Ngoxa amapolisa exakekile kwindawo yexhwayelo, eva ingxolo evela ebhuthini yemoto. Emva kokuphanda le ngxolo, indoda engaziwayo yarhubuluza yaphuma ebhuthini yayothi gqi ngezitulo ezingasemva yaza yabika ukuba ibixhonyisiwe imoto yayo.

Bobabini abarhanelwa bajongene nezityholo zokuxhomisa imoto, ukuxhwila, nokuba nemipu kunye neembumbulu ezingekho semthethweni. Bazakuvela kwiNkundla kaMantyi yaseNew Brighton phakathi evekini.