Umfanekiso othathwe kwividiyo.
Ummi wangaphandle uhlaselwe ngehamile wabulawa ngokungenalusini eyedwa evenkileni.
Esi sehlo kutyholwa ukuba senzeke kule veki emva kwemini ngoLwesibini, eKathu, eMntla Koloni.
“Kutyholwa ukuba amadoda amabini angaziwayo angene kwivenkile eseSeder Avenue eKathu,” sitshilo isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Sergio Kock.
Amapolisa aseKathu angqinile ukubanjwa kwendoda eneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala eyayanyaniswa nesi sehlo.
Omnye umrhanelwa akakafunyanwa. Amapolisa acela ukuba nabani na onolwazi aqhagamshelane nomcuphi uSergeant uThamsanqua Mangaliso ku-073 8044 316 okanye asebenzise iMySAPS app.
Ulwaphulo-mthetho olujoliswe kubemi bamazwe angaphandle abangabanikazi bamashishini bugqugqisile kweli loMzantsi Afrika. Kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo eMpuma Koloni, amadoda amabini axhobileyo angena kwivenkile eCofimvaba adubula abemi bangaphandle abathathu – ababini babhubha, omnye wathunyelwa esibhedlele ukuya kufumana unyango.
Bukela ividiyo (le vidiyo iquka imifanekiso enobundlobongela)