Iindaba

Amantombazana amane aziqaqambise koonobuhle eGqeberha!

Pedro Mapelo|Published

Amantombazana aphumulele kukhuphiswano likaMiss Glitz & Glamour SA obuluququzelwe yiKungawo Mpini Foundation kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Amantombazana aphumulele kukhuphiswano likaMiss Glitz & Glamour SA obuluququzelwe yiKungawo Mpini Foundation kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Agoduke encumile amantombazana amane aphumelele kumnyhadala woonobuhle obubanjelwe eSunrise Hotel, eGqeberha, kwiveki ephelileyo. Ngamantombazana akumashumi amathathu, aphume kwiindawo ngeendawo eMzantsi Afrika, akhuphisene kwanzima kuMiss Glitz & Glamour SA obusemgangathweni ophezulu. Kangangokuba umgangatho obuxhomile, ukumila kwabantwana ibingeyonto ephambili.

Bekufuneka umntwana aveze ulwazi analo ngemontlalo, iingcinga zakhe ngekamva lakhe nokuzibophelela kwakhe kwintlalontle ehamba nophuhliso endaweni yakhe.

Umsebenzi obuphethwe ngusaziwayo kwezosasazo, uBukiwe Zide, uhambe kakuhle kakhulu futhi bekunzima nasebantwini abebenikwe uxanduva lokukhetha ngoba abantwana bebezimisele kukhuphiswano obeluququzelelwe yiKungawo Mpini Foundation ekhokelwa nguAsanda Mpini.

Abathathe inxaxheba bohlulwe baziindidi ezine. USithandile Sibondana uthwaliswe isithsaba sikaMiss Universe Glitz & Glamour 2024. Yena uAviwe Gqokoma uhambe nesikaMiss International Glitz & Glamour. Kwelinye icala, uAyanda Gumede uhambe newonga likaMiss World Glitz & Glamour. Yena uAmahle Makhala uthathe uMiss Globe Glitz & Glamour. Bonke abaphumeleleyo bafumene amaqithiqithi amahle kakhulu.

Kulindeleke ukuba abanye baphephezelisa phezulu ifulegi yoMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi. Ebalisela I’solezwe lesiXhosa emva komsebenzi, umququzeleli uvakalise uvuyo olukhulu ngoba umsebenzi wabantwana uhambe kanye ngendlela ebekucwangcwiswe ngayo nguye nabazali.

“Yonke into ihambe kakuhle. Umsebenzi ubusemgangathweni ophezulu kakhulu. Iindwendwe zethu zigoduke zibonile ukuba asithethi nje ngomlomo, siyayenza into esiyithethayo.

“Sizimisele ukuxhobisa abantwana bethu ukuze bakhule kakuhle. Okunye esikwenzayo kukwakha ikhonkco lentsebenziswano phakathi kwabo ukuze bakhule besazi ukuba kuyabanjiswana ebomini. Enye into ebalulekileyo kukuba samkela umntwana nokuba unjani. Bonke abantwana bawafumene amabhaso wabo abanye sibenzela izazisi zokundwendwela ngoku baza kuya phesheya,” utshilo uMpini.

4 Categories:

Miss Universe Glitz and Glamour 2024

Sithandile Sibondana

Miss International Glitz and Glamour

Aviwe Gqokoma

Miss World Glitz and Glamour

Ayanda Gumede

Miss Globe Glitz and Glamour

Amahle Makhala

Overall Winners!!

Miss Glitz and Glamour SA

Queen: Zulu Noxolo

1st Runner up: Alwaba Matati

2nd Runner up: Sibusiso Damana

Pre-teen

Miss Glitz and Glamour

Queen: Luzokwanda Mbokazi

1st Runner up: Ngcwalisa Mhlontlo

2nd Runner: Chwayita klass

Jnr Miss Glitz and Glamour

Queen: Abongwe Gwavu

1st Runner up: Ziyanda Mogoje

2nd Runner up: Alwande

Mini Miss Glitz and Glamour SA 2024

Queen: Mesuli Majola

1st Runner up: Oyintando Sodo

2nd Runner up: Buhlebendalo