Iindaba

Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole

Cwayita Nondula|Published

Abantu abakhubazekileyo baseAmathole baza kufundiswa ukuqhuba. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abantu abakhubazekileyo baseAmathole baza kufundiswa ukuqhuba. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

IEngen ibambisene neDisability Economic Empowerment Trust (DEET), iphehlelele inkqubo yoqeqesho lokuqhuba iimoto, nenkqubo yokulungela umsebenzi ejoliswe ekuxhobiseni abantu abakhubazekileyo kwisithili saseAmathole.

Ngamashumi amane (40) abantu abaphuma kwisithili saseAmathole, eMpuma Koloni nabazakuthi baxhamle kweli phulo. UKanti amashumi amabini (20), kula mashumani mane, baza kufumana uqeqesho lokuqhuba imoto.

Le nkqubo iphehlelelwe kwinyanga ephelileyo ngomhla wokuqala kweyoMsintsi, KwaZulu-Natal, kwaye ijoliswe ekuxhobiseni abantu abakhubazekileyo abangama-200, kumaphondo amahlanu. Injongo yayo kukunceda bonke abathathi-nxaxheba abangama-200 ukuba bafumane amathuba engqesho, ingakumbi kwimimandla enofikelelo olungephi kwimisebenzi.

Eli phulo likhuthaza ukubandakanywa kwezoqoqosho ngokuxhobisa abathathi-nxaxheba ngezakhono zokuqhuba eziyimfuneko, kunye nobuchule emsebenzini, ukuqinisekisa ukuba bakulungele ukungena emisebenzini.

Le nkqubo yeenyanga ezilishumi elinesibini, iza kuqaliswa nakwiphondo laseMntla Ntshona, eLimpopo, naseMpumalanga – abaxhamli abangama-20 kwiphondo ngalinye baya kufumana uqeqesho lokuqhuba.

Inkqubo yokulungela umsebenzi ixhobisa abathathi-nxaxheba ngezakhono ezinjengokubhala iCV, iindlela zokwenza udliwano-ndlebe, ulwazi lokufunda ngobuxhakaxhaka bala maxesha, kunye neendlela zokuziphatha emsebenzini, nto leyo ephucula amathuba abo okufumana imisebenzi yasezidolophini neyasemaphandleni.

Uqeqesho lokuqhuba imoto lujoliswe ekophuleni imiqobo ethintela ingqesho ngokubonelela abathathi-nxaxheba ngeeLearners kunye namaphepha-mvume okuqhuba abaluleke kakhulu ekufikeleleni kumathuba emisebenzi.

Iinkqubo zeEngen neDEET zabantu abakhubazekileyo ziphehlelelwe eMpuma Koloni. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMphathi weDEET, uThabiso Phetuka, uvakalise umbulelo wakhe ngenkxaso ezinzileyo ye-Engen: “Le nkxaso-mali ibonisa inkolelo ye-Engen kuMzantsi Afrika ongashiyi mntu ngasemva. Ezi nkqubo zidlulela ngaphaya kokufunyanwa kwezakhono, zidiliza imiqobo yezoqoqosho, ziqinisekisa ukuba abantu abakhubazekileyo baxhotyisiwe ukuze baqhube kakuhle xa bethelekiswa nabanye xa bekhangela imisebenzi.”

UPhetuka uqhube wathi, “Intsebenziswano yethu ne-Engen inika ithemba lokwenyani kubantu abakhubazekileyo abathe basokola ukufumana umsebenzi ngenxa yokunqongophala kwezakhono.”

Ukusukela ngo2019, iEngen kunye neDEET baye basebenzisana kumaphulo ajoliswe ekuphuculeni umgangatho wobomi babantu abakhubazekileyo, kugxilwe kumathuba alinganayo, ukuncitshiswa kwentlupheko, kunye nokubandakanywa kwabo kwintlalo. Inkqubo yokuqala yoqeqesho lokuqhuba imoto kaEngen yabantu abakhubazekileyo yasungulwa ngo2021, inceda abantu abalikhulu (100).

UMphathi weCSI kwaEngen, uOlwethu Mdabula, ubalule ifuthe lexesha elide lale projekthi. “Izakhono ezifunyenwe kule nkqubo ziyakunceda abaxhamli ubomi babo bonke, nokuba bakhetha ingqesho okanye ukuziqalela ishishini. Sijonge ekuphuculeni umgangatho wokuphila ngokujongana nemiqobo ephambili ekuthatheni inxaxheba, ngakumbi ukuhambahamba,” utshilo.

Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole