I-World No Alcohol Day ijoliswe ukukhuthaza uluntu ukuba lahlukane nokusela utywala
Ihlabathi liqwalasela ukuselwa kotywala ngabantu behlabathi ngeenjongo zokukhuthaza ukuba uluntu lubuye nganeno ekuseleni utywala ngokugqithisileyo.
Lo ngumhla obizwa ngokuba yiWorld No Alcohol Day ejoliswe ukukhuthaza uluntu ukuba lahlukane nokusela utywala, koko lukhangele indlela ezisempilweni zokuphila.
Osisithethi seSebe lezentlalontle kweli, uLumka Oliphant, ubhale izimvo zakhe malunga nokusetyenziswa gwenxa kotywala kweli. Utywala yenye yeengxaki eziphambili ukuchitha amakhaya amaninzi kweli, logama bukwabangela iinkendama.
“Kumele ukuba siqwalasele indlela utywala obutshabalalisa ngayo abantwana bethu ngokuba ngenisa etywaleni besebancinci,’’ kutsho uOliphant.
Uthi kumele ukuba kuqaliswe ukuveliswa kweemveliso ezininzi ezingenatywala ezinokuba nomtsalane kubantu abatsha.
“Olo hlobo leziselo zinembonakalo yotywala, kodwa zinotywala obuncinane okanye obungekhoyo konke konke, masikhuthaze lonto,” ubongoze watsho uOliphant.
URhulumente nemibutho ezimeleyo bachitha imali eninzi kakhulu bezama ukuhlangula amaxhoba otywala. Bambi bagxothwa emisebenzini logama abanye benkolonkoloza ezintolongweni ngenxa yotywala.
“ Iinkampani ezivelisa utywala zikwenza kube ngathi yinto eyamkelekileyo ukusela utywala, kwaye zikwakhuthaza ulutsha ukuba luzibone lungena etywaleni ngaphambi kwexesha,” kutsho uOliphant.
UOliphant uthi ilizwe loMzantsi Afrika licacile ukuba lilizwe labantu abathanda utywala.
“Utywala sesona siyobisi sisemthethweni esisetyenziswa gwenxa eMzantsi Afrika,” uhambisa atsho uOliphant.
Uhambisa athi amashumi amathandathu eepesenti ekhulwini kwingozi zendlela zenzeka ngenxa yotywala, logama utywala bukwindawo yesithathu kuluhlu lwezinto ezibangela ukubhubha kwabantu kweli.