UKallie Kriel onguMlawuli weAfriForum.
Umlawuli weAfriForum uKallie Kriel umemelela umbutho weDemocratic Alliance (DA) neFreedom Front Plus ukuba baqwalasele inxaxheba yabo kurhulumente wendibanisela (GNU) ukuba ngenene akunakwenziwa utshintsho kumthetho oyilwayo iBELA Bill.
Lo mthetho obizwa ngokuba yiBasic Education Laws Amendment (BELA) Bill ubangele ingxoxo eninzi kwabezopolitiko emva kokuba umbutho weDA namahlakani awo bevakalisa ukuchasa kwabo ukumiselwa kwalo mthetho.
Kuthiwa lo mthetho ujonge ukwenza inguqu kwiindlela eziqhuba ngayo ezemfundo kweli neenjongo zokufundisa ngeelwimi zeli nezinye ke iinguqu.
“Abaxhasi balo mthetho ngabo bachasene nolwimi lwethu lwesiBhulu kwaye baquka umbutho weANC, ngoko ke kumele ukuba siwuchase lo mthetho,” kucacisa uKriel.
Kwinyanga ephelileyo, uMongameli weli uCyril Ramaphosa utyikitye lo mthetho waba ngumthetho osemthethweni.
Nangona etyikityiwe lo mthetho, uRamaphosa ukulibazisile ukusetyenziswa kwesolotya lesine nelesihlanu lalo mthetho.
Kuthiwa ukulityaziswa kokusebenza kwala masolotya kuzakuthatha isithuba seenyanga ezintathu. “Izikolo ezisebenzisa ulwimi lwesiBhulu zidinga ukuba sizikhusele kule meko nakanjani,” kutsho uKriel.
UKriel uthi ukupasa kwalo mthetho kuza kubutshabalalisa ubunganga bolwimi lwesiBhulu ezikolweni nakwintlalo yabantu besiBhulu.
“Ulwimi lwesiBhulu luyinxalenye yamasiko nezithethe zethu, kwaye thina sibambalwa ngokwamanani, lo mthetho uza kusicinezela thina bantu bathetha isiBhulu,” kutsho uKriel.
IAfriForum ikwiphulo lokunyanzela imibutho equka iDA neFreedom Front Plus ukuba iphume kwindibanisela yoRhulumente weGNU ukuba akunakwenziwa inguqu kulo mthetho.