UNkosi uMaqoma uzelwe ngonyaka ka1798, waze wakhothama ngonyaka ka1873, edlale indima enkulu ukukhusela nokulwela ukuthathwa komhlaba ngamaNgesi.
Maninzi amadabi athe wawalwa ezama ukunqanda ubusela bezizwe nemikhosi yasemzini ibizama ukungena kumhlaba wamaXhosa.
Ezona ziphambili iimfazwe azilwe kwacaca – yileyo yesithandathu neyesibhozo kwiimfazwe ezilithoba zokulwa kwamaXhosa namaNgesi.
Xa sibhiyozo sikhumbula izinto ezililifa kuthi, kumele ukuba singawalibali amaqhawe afana noMaqoma.
Ngonyaka ka1834 uMaqoma ulwe kwamdaka isali ezama ukuthintela amabutho wamaNgesi kwiinzame zawo zokuthatha umhlaba wamaXhosa.
Uphinde walwa ngempumelelo ngo1846 eswantsulisa amaBritane kwiinzame zawo zokuzenzela kumhlaba wamaXhosa. Ngo1850 uMaqoma uqhubele phambili nedabi lakhe lokungavumi ukungenelelwa komhlaba wesizwe sakhe.
Ubukhalipha nobugorha bakhe benze ukuba abelungu bambone njengolona tshaba labo oluphambili, ngenxa yoku waya kubhubhela esiqithi eRobben Island, eKapa.
Ngethuba evalelwe esiqithini wadibana namagorha wesizwe sabaThwa aquka uDavid Stuurman, owathi kamva waya kubhubhela kwelaseAustralia.
UMaqoma ekunye noStuurman baququzelela umlo owawuphakathi kwabo kwakunye nabagcini mabanjwa esiqithini, nowakhokelela ekubulaweni kukaMaqoma ngoondlebe zikhanya ilanga.
Amathambo akhe abuyiswa aza angcwatywa eNtaba kaNdoda ngenxa yongenelelo loRhulumente waseCiskei, owawukhokelwe nguLennox Leslie Wongama Sebe.
Indima yakhe ayinakulibaleka kwiinzame zokukhusela isidima sobunikazi bomhlaba kubantu abamnyama.