Iindaba

Bayabhiyoza abaThembu kwaHala

Siyabulela Mqikela|Published

UNkosi Gcinuhlanga Thambekile wendlu yabaThembu kuNdonga kwaHala naseGuba ungenelele kwizizwe zeli ezithe bhazalala ukubhiyozela inkcubeko, amasiko nezithethe, ngoLwesihlanu, umhla wama-27 kule nyanga.

Lo ngunyana wendlu enkulu kaNkosi Ngangomhlaba Mathanzima othe wazibalula ngesakhono sokukhokela ngexesha lokuphila kwakhe.

Eli komkhulu lakwaHala liyaziwa ngokuqhuba iinkqubo ezahlukeneyo zophuhliso loluntu, ngelincedisana nentlalo yoluntu.

“Sikule nyanga yokubhiyozela amasiko, izithethe nenkcubeko yethu, ngoko ke nathi silikomkhulu lakwaHala siqhuba umbhiyozo njengezinye izizwe,” kucacisa uThambekile.

Eli komkhulu libizwa ngokuba yiGuba Traditional Council, kwaye liquka iilali ezintandathu ilali, uHala wokuqala nowesibini kwakunye neendawo zaseGuba.

”Kubalulekile ukuba sihlale sikhumbula ukuba singobani, sifundise nolutsha ngemvelaphi yalo, oko kukugcinwa kwembali yesizwe,” utsho uThambekile.

Uninzi lamakomkhulu nezizwe ezahlukeneyo kweli zinika imbeko kule nyanga nanjengoko uRhulumente wamisela oku ukusukela ngo1996.

“Ngale mini sizakubonakalisa isinxibo sethu esahlukileyo kwezinye izizwe, oku kuzakunceda ukuba abantu basahlule kakuhle singabaThembu,” uhambisa atsho uThambekile.

IKumkanui yabaThembu uKumkani uDalimvula Mathanzima, ulindeleke ukuba akhokele isizwe sakhe kulo mcimbi.

“Sizakuba sidibene kweli ziko laziwayo lethu apha kwaHala 2, silindele zonke izizwe ezingqonge neziyinxalenye yesi sizwe sethu,” uvale ngelo uThambekile.