Umakhulu kunye nabazukulwana bakhe abahlanu batshe babhubha kwityotyombe labo kumatyotyombe aseChris Hani, ngakwisitalato iNgene eNew Brighton, eGqeberha.
Esi sehlo senzeke malunga nentsimbi yesine ekuseni ngoLwesine, umhla we19 kweyoMsintsi ka2024. Amapolisa aseNew Brighton axelelwe ngeli tyotyombe abalifumene litshatyalaliswe ngumlilo, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uCaptain Andre Beetge.
UBeetge uthi abacimi-mlilo bawucimile lo mlilo, kwaye kwafunyanwa imizimba etshileyo yowasetyhini nabantwana abahlanu.
“Kukholelwa ukuba yimizimba kamakhulu (68) nabazukulwana bakhe abahlanu (5) abaphakathi kweminyaka emine (4) ukuya kwelishumi elinanye ubudala (11),” utshilo uBeetge.
Unobangela womlilo usaphandwa. Kuthiwa uhlalutyo olusesikweni lweDNA luza kwenziwa kwaba bathandathu babhubhileyo kwaye amagama abo akanakuchazwa ngeli xesha.
Kuvulwe iqwakuqwaku ngamapolisa aseNew Brighton ukuphanda esi sehlo.