Ukudutyulwa kubulawe amadoda amathathu ebezama ukuhlasela amapolisa eMthatha ngoLwesithathu luphawu lokuba ngenene azimisele ukulwa ulwaphulo-mthetho.
Amadoda amathathu adutyulwe abulawa eMthatha aphakathi kwabatyholwa ngokuqokelela imali ebantwini baseMthatha.
Kutyholwa ukuba uSakhumzi Dalinzolo Mareke ebeyiNkosi yomgunyathi eMthatha West ebenomzila wokuhamba esoyikisa oosomashishini noluntu efuna imali.
Ethembisa abantu baseMthatha ngenzolo neenzame zokulwa ingxaki yamadoda aqokelela imali ebantwini, iNkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane yathembisa yathi: “Lo mcimbi siwuphethe namaSebe kaRhulumente ephondweni nakuzwelonke, ngoko abantu baseMthatha nakwiMpuma Koloni mabangaxhali, mabasithembe,” wathembisa ngelo uMabuyane.
UMareke udutyulwe wabulawa yena noogxa bakhe ababini emva kokulandela amapolisa aquka ibutho lamapolisa aphuma kuzwelonke. Othethe egameni lamapolisa, uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ucacise wathi: “Ngethuba amapolisa ebegqiba umsebenzi wosuku lwangoLwesithathu, azibone elandelwa ziimoto ezimbini, ekuthe kanti nguMareke neqela lakhe, ngabo abaqale ukudubula amapolisa.”
Ukungenelela kwamapolisa aphuma kuzwelonke kubonakalisa inguqu engxamileyo ngokukodwa kwingxaki yemali eqokelelwa kuluntu namashishini.
Ngelizama ukuqinisa iphulo lokulwa imali eqokelelwa eluntwini, amapolisa aseMpuma Koloni akhuphe inombolo yomnxeba engu082 387 1561.
UMabuyane ungenelele kwiinkokheli zikaRhulumente ezikhuthaza ukuba amapolisa azikhusele xa egagana nezaphuli-mthetho. “Sizimisele ukuba sizikhuphe ngaphandle kwedolophu yaseMthatha, Monti naseGqeberha izaphuli-mthetho, ngoko amapolisa mawaqinise ukwenza kwawo iinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho,” utshilo uMabuyane.
Ukanti uSekela Mongameli weli, uPaul Mashatile, naye ubongoza amapolisa ukuba axhathise xa egagana nezaphuli-mthetho. EGqeberha amapolisa akwadubule abulala indoda ekukrokrelwa ukuba yinkokheli yamaqela aqokelela imali eluntwini.
UMphathiswa kwiofisi kaMongameli uCyril Ramaphosa, uMaropene Ramokgopa ethetha namalungu ePalamente ubongoze uluntu loMzantsi Afrika lusebenzisane namapolisa kunye namanye amaqela alwa ulwaphulo-mthetho.
Ukulwa ulwaphulo-mthetho luxanduva lomntu wonke, uRhulumente uzakuqhubeka ukwenza amalinge akhe ukulwa ulwaphulo-mthetho, sicela abantu bancedise,” kutsho uRamokgopa.