Umasipala waseNyandeni uvule ityala lobuqhophololo nobusela ngakwabanye babasebenzi balo masipala emva kokusetyenziswa gwenxa kwamakhadi epetroli.
Kwingxelo, isithethi salo masipala, uNcebakazi Kolwane, uthi umasipala uthathe amanyathelo akhawulezileyo ukukhusela izibonelelo zoluntu.
“Bathe bakuqaphela ubuqhophololo, abaphathi bakhawuleza bawuxela lo mba emapoliseni kwaza kwavulwa ityala lobuqhophololo nobusela,” utshilo uKolwane.
Uqhube wathi bothukile kukwazi ukuba abasebenzi abathile abasebenza kwisebe elijongene nezezimali, iBudget and Treasury, baye bagrogriswa ukuba bayeke uphando.
Umasipala ugxininise ukuba abazukubuya ngamva ekulandeleni amanyathelo omthetho ngakubasebenzi ababandakanyekayo. Bakwabongoze abasebenzi babo ukuba balandele imigangatho ephezulu yokuziphatha, ukusilela ukwenza oko kuya kubangela ukuba bajongane neziphumo ezibi.
“Kubalulekile ukuqaqambisa ukuba lo mba uyaphandwa ngabangaphandle, nanjengoko ukuxhaphaza izibonelelo zombuso lityala elibi elifuna uphando olunzulu nolungenamkhethe,” utshilo uKolwane.
Baphinde bacela abasebenzi babo ukuba basebenzisane nophando oluqhubekayo kwaye banike naluphi na ulwazi olufanelekileyo.
UKolwane uthe ukuzibandakanya nezenzo zobuqhophololo akujongeli phantsi isidima seziko kuphela koko kuthintela isakhono salo sokuhambisa iinkonzo eluntwini.
Lo masipala ukhuthaze uluntu nabasebenzi bakamasipala waseNyandeni ukuba baxele naziphi na izinto ezikrokrisayo okanye iinkcukacha ezinxulumene neli tyala kwabasemagunyeni.