AbakwaVodacom eMpuma Koloni bakhuphe ingxelo yokuba baza kugalela imali ekwizigidi ezingamakhulu amahlanu eerandi (R500 million) kulo nyaka mali ngeenjongo zokuphucula unxibelelwano.
Le ngxelo ithi uVodacom ujonge ukuphucula imingxilo yonxibelelwano, umbane osetyenziswa kunxibelelwano nokungenelela kwiindlela zalamaxesha zokunxibelelana.
Ongumphathi wakwaVodacom eMpuma Koloni, uZakhele Jiyane, uthi bazakuchita le mali ngokukodwa kwiindawo zasezilalini nakwiilokishi zeMpuma Koloni.
“Kunyaka mali ka2024-2025 siza kuyinyusa le mali iyokufika kwibhiliyoni yeerandi ngokuthi sifakele amanye amakhulu amahlanu ezigidi zeerandi ukuze kuphucuke unxibelelwano,” kucacisa uJiyane.
Uthi le yinjongo yexesha elide ezanywa ngabakwaVodacom ukulwa ingxaki yokunqongophala konxibelelwano eMpuma Koloni. Sele kuyinto eqhelekileyo ukunqongophala konxibelelwano ngenxa yenethiwekhi kweli leMpuma Koloni.
“Isixa esininzi sale mali siza kuncedisa ekuphuculeni iziseko zethu zonxibelelwano, kwelinye icala sifuna ukuba sihambelane namaxesha ngokungenisa abathengi bethu kwi5G nakwezinye izinto,” kutsho uJiyane.
Uhambisa athi ezi nzame zabo ziza kwenza ukuba kubelula ngenene ukunxibelelana kwabantu logama bekwafumana ithuba lokungena kumgangatho ongentla wonxibelelwano.
“Iingingqi ekulindeleke ukuba zixhamle kule nkqubo ziquka iGqeberha, Makhanda nePort Alfred, logama kwelinye icala sijonge ukunceda iindawo eziquka eMonti, Qonce neKei Mouth,” kuthetha uJiyane.
Uthi ilinge labo liquka ukunika iindlela zonxibelelwano kubantu basezilalini ngaphandle kwengxaki ngokulingana ncam nabantu abasezidolophini.
“Uninzi lwabantu abasemaphandleni abakwazi kuthatha inxaxheba kwiinkqubo zophuhliso lezimali ngenxa yonxibelelwano, ngoko sizama ukuphelisa oko kubandlululwa kwabo,” utsho uJiyane.