UAluve Msetu waseMalabar, eGqeberha olahlekileyo. Umfanekiso: SAPS
Icandelo lamapolisa elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye nolwaphulo-mthetho lwezesondo eGqeberha licela uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo wentwazana eneminyaka elishumi elinanye (11) eyaduka ngoLwesihlanu we19 kweyeKhala 2024.
Isithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse van Rensberg uthe ngoLwesihlanu umhla we19 kweyeKhala 2024, uAluve Msetu (11) waseMalabar Extension, waduka kwikhaya lakhe eOceanview, eMalabar Extension.
Ngokutsho kukanina, uphume endlini emva kokuba bexabene kwaye akazange aphinde abuye. Uphando lokuqala lwenziwa ukumkhangela ngaphandle kwempumelelo. Wachazwa njengolahlekileyo nge20 kweyeKhala 2024 kwisikhululo samapolisa saseGelvandale.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uAluve Msetu ukuba atsalele ngokukhawuleza umcuphi ophethe eli tyala uDetective Sergeant Nomfundiso Vazi ku-0714751724 okanye iCrime Stop 08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.