UThoko Didiza onguSomlomo wePalamente kazwelonke. Umfanekiso: Elmond Jiyane
Usomlomo wePalamente kazwelonke uThoko Didiza uthi kumele ukuba enze intetho yakhe uMongameli Cyril Ramaphosa nakanjani ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeKhala.
Oku kusemva kokuba kukho imibuzo malunga nokuthetha kukaRamaphosa.
URamaphosa uza kuthetha nesizwe ngorhatya namhlanje umhla weshumi elinesibhozo kwiholo yedolophu yaseKapa.
“Intetho eyenziwa nguMongameli ekuqaleni konyaka yohlukile kule intetho, kuba xa kubuywa kulonyulo kumele ukuba athethe nesizwe ecacisa umkhombandlela worhulumente omtsha,” kucacisa uDidiza.
Amalungiselelo sele egqityiwe ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba kakuhle ngaphandle kwengxaki.
“Eli lithuba lokuba uMongameli acacisele isizwe malunga nombono oza kulandelwa ukuqhubela phambili iinkqubo zikaRhulumente,” kutsho uDidiza.
Uthi kubalulekile ukuba abantu bayeke ukuyithandabuza le ntetho koko basebenzise eli thuba ukuzixhobisa ngolwazi lwezinto ezizakuqhubeka.
Le ntetho yenziwa ngalo mhla owaziwa ngokuba yiNelson Mandela Day kwihlabathi ngokubanzi. Umbutho wezizwe ezimanyeneyo wamisela umhla weshumi elinesibhozo kweyeKhala njengomhla kaNelson Mandela.
UMandela wazalwa ngalo mhla ngonyaka ka1918 ezalelwa kuMvezo eMpuma Koloni phantsi kobuKumkani babaThembu.
“Oku kuza kunceda ukuba abantu bayazi ukuba xa kuqala esi siqingatha solawulo ziintoni ezibekwe phezu kwetafile, ngoko ke kubalulekile ukumamela,” kutsho uDidiza.
Esi sisihlandlo sokugqibela lokaRamaphosa ekhokele umbutho weANC njengoMongameli.
“Esi sisicwangciso sale minyaka mihlanu iza kulandela, ngoko sikhuthaza uluntu ukuba luthathe ithuba limamele uMongameli ngorhatya namhlanje,” kucenga uDidiza.
Amashumi wamawaka abantu baseKapa bamkela uNelson Mandela kanye kule holo aza kuthetha kuyo uRamaphosa xa wayephuma entolongweni iVictor Verster.
Imibutho ethile kwephikisayo ixhalabele ukusetyenziswa kwemali okuhambela nale ntetho kaMongameli. Intetho enje yenziwa rhoqo xa kubuywa kulonyulo lukazwelonke lilizwe loMzantsi Afrika. Iqikelela kwizigidi ezithandathu inkcitho eza kwenziwa kulo msitho wokuthetha kukaRamaphosa.