Ngabakhwetha abalikhulu abahlangulwe kwiindawo zokwalusa ezingekho mthethweni kwiphondo loMntla Ntshona.
Oku kuhambelana neenzame zikaRhulumente kazwelonke zokulwa iingxaki zokubhubha kwabakhwetha kuzwelonke.
Iingxelo zokugqibela malunga nabakhwetha zidize ukuba ngabakhwetha abasibhozo ababhubhe kweli leMpuma Koloni. Abakhwetha babhubha kwiindawo zokwalusa ezisemthethweni nezingekho mthethweni.
Kusoloko kutyholwa amakhankatha neengcibi ezingekho mthethweni njengonobangela wako konke oku. URhulumente kazwelonke ukhuphe isibhengezo ebongoza amakhaya ukuba aqinisekise ukhuseleko lwabantwana esuthwini.
Kule ngxelo uRhulumente ukhuthaza intsebenziswano phakathi kwamakhaya, amapolisa, amagosa olwaluko nabantu bokuhlala ngokubanzi.
Inani labantwana ababhubhele esuthwini kulindeleke ukuba linyuke kungekudala nanjengoko ziqhubeka iingxaki ezingunobangela woku.
Ingxaki yokuvinjwa kwabantwana amanzi yenye kweziphambili ezibangela ingxaki kwimpilo yabakhwetha. Ukungavunyelwa kwabo ngamakhankatha ukuba basebenzise amachiza abawanikwa ngoogqirha ukukhathalela izigulo zabo ezaziwayo yenye ingxaki.
Abakhwetha abahlangulwe eMntla Ntshona baminyaka iqala kwishumi elinesithathu ukunyuka. Oku kukwaphulwa komthetho ngokucacileyo kuba umthetho unyanzelisa ukuba abantwana bafike kwiminyaka elishumi elinesibhozo.
Bambi bakholelwa ukuba kumele ukuba kunikwe amagqirha namaxhwele ithuba lokuba kukhuselwe abantwana phambi kokuba baye esuthwini. Ngamaziko olwaluko alishumi elinesixhenxe avalwe ngamapolisa emva kokufumana ulwazi.
Kukwakho uluvo lokuba amakhaya kumele aqinisekise ukuba amakhankatha ahlala nabantwana nawo anyangiwe ngokwesintu ngamakhaya alusileyo.
Ingaphelanga le nyanga yeKhala liza kufikelela esiphelweni ixesha lokwalusa lasebusika nanjengoko abantwana beza kubuyela esikolweni. Abakhwetha abahlangulwe eMntla Ntshona baphantsi kokhuseleko lwamapolisa emva kokususwa kwiindawo ebebefihlwe kuzo.