UMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba ebhengeza ikhabhinethi yakhe yolawulo lwesixhenxe. Umfanekiso: GCIS UMongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze abaphathiswa bakazwelonke bolawulo lwesixhenxe ngeCawe, umhla wama30 kweyeSilimela 2024.
Oku kuza emva kweentsuku ezilishumi elinanye efungiswe njengoMongameli welizwe isihlandlo sesibini kwinyanga ephelileyo, umhla we19 kweyeSilimela 2024.
Oku kulibaziseka kubangelwe kukungaboni ngasonye ngethuba kuqhubeka uthethathethwano phakathi kwemibutho emibini emikhulu yezopolitiko kurhulumente wobumbano kazwelonke, iAfrican National Congress (ANC) kunye neDemocratic Alliance (DA).
Urhulumente wobumbano kazwelonke ngoku uquka imibutho elishumi elinanye, eyiAfrican National Congress (ANC), Democratic Alliance (DA), Patriotic Alliance (PA), Inkatha Freedom Party (IFP), Good Party, Pan Africanist Congress of Azania (PAC) , Freedom Front Plus (FF+), United Democratic Movement (UDM), Al Jama-ah, Rise Mzansi kunye neUnited Africans Transformation (UAT).
Ukutshintsha kwamasebe
URamaphosa ubhengeze ukuba bohlule amasebe athile ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba kugxilwe ngokwaneleyo kwimiba engundoqo.
“Amacandelo oMbane naMandla aya kudityaniswa. Kuza kubakho isebe elizimeleyo leMithombo yeziMbiwa namafutha.
“Isebe lezoLimo liza kohlulwa kwisebe lezoBuyekezo loMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle.
“Isebe lezeMfundo ePhakamileyo liza kohlulwa kwisebe lezeNzululwazi, ubuChwepheshe kunye noTshintsho.
“Isebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liya kwahlulwa kwisebe leeNkonzo zoLuleko.
“Akusayi kuphinda kubekho uMphathiswa wezaMashishini kaRhulumente. Uququzelelo lwamashishini karhulumente achaphazelekayo luza kuba kwiOfisi kaMongameli ngexesha lenkqubo yokumilisela imodeli entsha yabaninizabelo,” utshilo uRamaphosa ngethuba esenza esi sibhengezo sabaphathiswa ngeCawe.
Abaphathiswa bamasebe ahlukeneyo kazwelonke. Umfanekiso: Good Things Guy Oosekela baphathiswa bamasebe ohlukeneyo kazwelonke. Umfanekiso: Good Things Guy Naba abaphathiswa bakazwelonke
USekela Mongameli nguPaul Mashatile. UMphathiswa wezoLimo nguJohn Steenhuisen. USekela Mphathiswa wezoLimo nguRosemary Nokuzola Capa. UMphathiswa woBuyekezo lwezoMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle nguMzwanele Nyhontso. USekela Mphathiswa woBuyekezo lwezoMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle nguChupu Stanley Mathabatha. UMphathiswa weMfundo esiSiseko nguSiviwe Gwarube. USekela Mphathiswa weMfundo esiSiseko nguReginah Mhaule. UMphathiswa wezoNxibelelwano kunye nobuChwepheshe beDijithali nguSolly Malatsi. USekela Mphathiswa wezoNxibelelwano kunye nobuChwepheshe beDijithali nguMondli Gungubele. UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli nguVelenkosini Hlabisa. OoSekela baPhathiswa boLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli nguDickson Masemola kunye noZolile Burns‐Ncamashe. UMphathiswa wezoKhuselo kunye namagqala oMkhosi nguAngie Motshekga. OoSekela baPhathiswa bezoKhuselo kunye namagqala oMkhosi nguBantu Holomisa kunye noRichard Mkhungo. UMphathiswa wezoMbane naMandla nguKgosientsho Ramokgopa. USekela Mphathiswa wezoMbane naMandla nguSamantha Graham. UMphathiswa wezeNzululwazi, ubuChwepheshe noTshintsho nguBlade Nzimande. USekela Mphathiswa wezeNzululwazi, ubuChwepheshe noTshintsho nguNomalungelo Gina. UMphathiswa weNgqesho nezaBasebenzi nguNomakhosazana Meth. OoSekela baPhathiswa bezeNgqesho naBasebenzi nguJomo Sibiya kunye noPhumzile Mgcina. UMphathiswa wezeMali nguEnoch Godongwana. OoSekela baPhathiswa bezeMali nguDavid Masondo kunye noAshor Sarupen. UMphathiswa wezaMahlathi, ezoLoba kunye nokusiNgqongileyo nguDion George. OoSekela baPhathiswa bezamaHlathi, ezoLoba kunye nokusiNgqongileyo nguNarend Singh kunye noBernice Swarts. UMphathiswa wezeMpilo nguAaron Motsoaledi. USekela Mphathiswa wezeMpilo nguJoe Phaahla. UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo nguNobuhle Nkabane. OoSekela baPhathiswa beMfundo ePhakamileyo nguButi Manamela kunye noMimmy Gondwe. UMphathiswa weSebe lezeKhaya nguLeon Schreiber. USekela Mphathiswa weSebe lezeKhaya nguNjabulo Nzuza. UMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu nguMmamoloko Kubayi. USekela Mphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu nguTandi Mahambehlala. UMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano nguRonald Lamola. OoSekela baBaphathiswa bezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano nguAlvin Botes kunye noTandi Moraka. UMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko nguThembi Nkadimeng. USekela Mphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko nguAndries Nel. UMphathiswa weMithombo yeziMbiwa namafutha nguGwede Mantashe. USekela Mphathiswa weMithombo yeziMbiwa namafutha nguJudith Nemadzinga‐Tshabalala. UMphathiswa wezoCwangciso, uHlolo noVavanyo nguMaropene Ramokgopa. USekela Mphathiswa wezoCwangciso, uHlolo noVavanyo nguSeiso Mohai. UMphathiswa wamaPolisa nguSenzo Mchunu. OoSekela baPhathiswa bamaPolisa nguPolly Boshielo kunye noCassel Mathale. UMphathiswa kwiOfisi kaMongameli nguKhumbudzo Ntshavheni. OoSekela baPhathiswa kwiOfisi kaMongameli nguNonceba Mhlauli kunye noKenneth Morolong. UMphathiswa weeNkonzo zoLuntu noLawulo nguMzamo Buthelezi. USekela Mphathiswa weeNkonzo zoLuntu noLawulo nguPinky Kekana. UMphathiswa weMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo nguDean Macpherson. USekela Mphathiswa weMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo nguSihle Zikalala. UMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci nguStella Ndabeni-Abrahams. USekela Mphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci nguJane Sithole. UMphathiswa woPhuhliso loLuntu nguSisisi Tolashe. USekela Mphathiswa woPhuhliso loLuntu nguGanief Hendricks. UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko nguGayton McKenzie. USekela Mphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko nguPeace Mabe. UMphathiswa wezoKhenketho nguPatricia De Lille. USekela Mphathiswa wezoKhenketho nguMaggie Sotyu. UMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano nguParks Tau. OoSekela baPhathiswa bezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano nguZuko Godlimpi kunye noAndrew Whitfield. UMphathiswa wezoThutho nguBarbara Creecy. USekela Mphathiswa wezoThutho nguMkhuleko Hlengwa. UMphathiswa wezaManzi noGutyulo nguPemmy Majodina. OoSekela Mphathiswa wezaManzi noGutyulo nguDavid Mahlobo kunye noIsaac Seitlholo. UMphathiswa wezabaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo nguSindisiwe Chikunga. USekela Mphathiswa wezabaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo nguMmapaseka Steve Letsike. UMphathiswa weeNkonzo zoLuleko nguPieter Groenewald. USekela Mphathiswa weeNkonzo zoLuleko nguLindiwe Ntshalintshali.