Abarhanelwa abahlanu bagwetywe ubomi entolongweni kwiNkundla ePhakamileyo yaseKaladokhwe ngoLwesine wama27 kweyeSilimela 2024, ngokwenza iyelenqe lokubulala, ukubulala, ukuzama ukubulala nokudlwengula emva kweenzame zabo zokubulala ngenxa befuna ukuzuza kwintlawulo yeinshorensi.
Isithethi samapolisa uCaptain Namhla Mdleleni, uthi ngeyeDwarha ka2023, ongasekhoyo uMasixole Mbulali ekunye nesithandwa sakhe bahlaselwa belele kwikhaya labo eKaladokhwe.
Le nkosikazi ayizange ibhubhe kwaye yasinda.
Kwenziwa uphando lokubulala, ukuzama ukubulala kunye nokudlwengula kwaye ityala lanikwa umcuphi uSergeant Eyssen, utsho uMdleleni.
Abarhanelwa abahlanu, uMasixole Sokoti (18), Sinetemba Pani (25), Sizwesetu Jonas (32), Zizipo Pani (32) noSiyamthemba James (38) babanjwe kwaye kwadizwa nesizathu solu hlaselo. Babefuna ukufaka ibango kwi-inshorensi ixhoba elisindileyo libhaliswe phantsi kwayo ukuze bakwazi ukufumana la mali ehlawulwayo xa umntu ebhubhile.
UMkomishinala weSithili uMajor General Rudolph Adolph uvuyisene negosa eliphandayo umcuphi uSergeant Eyssen osuka kwisikhululo samapolisa saseCradock ngokuzinikela kwakhe okungagungqiyo kunye nokunyamezela kwakhe ekuqinisekiseni ukuba abaphuli-mthetho bajongana nengalo yomthetho.
“Uphando olungumzekelo alukhokelele ekugwetyweni ngempumelelo kuphela kodwa lomeleza ukuthembela koluntu ekusebenzeni kophando lwethu,” utshilo.