UNqabayomzi Kwankwa onguSekela Mongameli weUDM.
USekela Mongameli weUnited Democratic Movement (UDM) uNqabayomzi Kwankwa uye wahlangulwa emva kokuxhwilwa eKapa ngoLwesibini emva kwemini.
UMongameli weUDM, uBantu Holomisa, ungqinile ukuba uKwankwa ebesendleleni esingise kwisikhululo seenqwelomoya eKapa esiya kumsitho wokubekwa kukaMongameli.
Ukwathe kuye kwafunwa iR10 000 ukuze abuye ekhuselekile.
“I-UDM yayihlawula le mali, waze wakhululwa uKwankwa ngokukhuselekileyo nangona wayesothukile. Iimpahla zakhe zonke kuquka nemoto yakhe ziye zabiwa,” utshilo uHolomisa.
Kamva imoto yakhe yafunyanwa inyengeziwe.
Kuphinde kwaqinisekiswa ukuba uKwankwa unxibelelana namapolisa kwaye nosapho lwakhe bazisiwe ngento eyenzekileyo.
I-UDM ikwavakalise intlungu yayo ngesi sehlo sibi, kodwa banombulelo ngokubuya kwakhe ekhuselekile.
“Simnqwenelela okuhle kodwa uTshawe kwindlela yakhe yokululama kwesi sehlo sibi,” uvale ngalo mazwi uHolomisa.