Izantyalantyala zemvula ekhokelele kwizikhukula kwiindawo ezithile kuMasipala waseNelson Mandela Bay ngempelaveki yomhla wokuqala nowesibini kuJuni 2024. Umfanekiso: Gift of the Givers/Facebook
Balishumi abantu abathe baphulukana nobomi babo ukuza kuthi ga ngoku, emva kwezantyalantyala zemvula engamandla nebezihlasele iNelsom Mandela Bay kwiveki ephelileyo.
Ingxelo ithi ngoMgqibelo kwiveki ephelileyo, izantyalantyala zemvula zidale umonakalo omkhulu kwiindawo ezininzi kulo masipala weNelson Mandela Bay, ingakumbi Kwanobuhle, eKariega, eWalmer, eBlue Horizon Bay, kwakunye naseKamesh.
Bane abantu abafunyenwe bebhubhile Kwanobuhle, ukanti ubemnye eKamesh, eKabega Park, eChatty, naseWalmer, ze bababini eKariega.
Ingxelo iqhuba ithi umzimba wexhoba leshumi nebelibikwe njengelilahlekileyo eKariega, lifunyenwe libhubhile kunxweme lomlambo iSwarkops, kwisitalato iCuyler.
Ixhoba eli nelibikwe ngokuba ngowasetyhini, lathi lanyamalala likunye nomhlobo walo ngethuba imoto ababehamba ngayo yathi yakhukhuliseka eKariega ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela. Imoto eyayihamba esi sibini, iye yafunyanwa yoyele emanzini.
Ukukhangelwa kwabantu abathe banyamalala ngethuba lezantyalantyala lusaqhutywa ligqiza lamapolisa eK9 nohlangulo kunye neendadi.
Kuvulwe idokethi lwabo bonke abo bathe babhubha ngokurhaxwa.