Iindaba

‘Ndiyabulela kwiSolezwe’

Siyabulela Mqikela|Published

Umama uNosisi Qokolwana emi ngaphandle kwendlu yakhe endala nentsha. IMIFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

Umama uNosisi Qokolwana emi ngaphandle kwendlu yakhe endala nentsha. IMIFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

Umama uNotisi Qokolwana wakwaWadi 10 eMcwangele eMalahleni akawuvali umlomo emva kokuba efumene indlu yethutyana ngenxa yokungenelela kweSolezwe.

Uthi wayengazazi ukuba makenze ntoni ukuze afumane indawo ephucukileyo nanjengoko ebehlala etyotyombeni emva kokudilika kwendlu yakhe.

“Ndiyabulela kwiSolezwe kuba lathi lakuthetha batsho baphithizela, nangona ndisahlala kwelinye nje ityotyombe ndiyavuya noko, ndikhuselekile nabazukulwana bam,” kutsho uQokolwana.

Umama uQokolwana wakhelwe indlu yethutyana. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

Oku kuza emva kokuba eli phephandaba liye labhala inqaku lingaqali malunga netyotyombe ebehlala kulo lo mama. “Ndabona kufika abantu apha bothula izinto, batsho baqalisa kwangoko ukudibanisa, babesithi basuka eMonti abo bantu, ndivuya kakhulu uThixo anisikelele,” kutsho uQokolwana.

Emva kokuhlaselwa kwendlu yakhe yinkanyamba yonyaka ophelileyo wazibona ehlala etyotyombeni, kodwa kukudala elindele ukwakhelwa indlu. Le ngwevukazi itsitywe xa bekusakhelwa abanye abahlali izindlu zethutyana emva kwale ntlekele yonyaka ophelileyo.

Indlu yethutyana kamama uQokolwana. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

UNokuphumla Mapete ongummelwane uthi ngenene lisebenzile I’solezwe lesiXhosa. “Bafika begilana apha, besithi basuka eMonti, ndiyabona bekukule nyanga iphelileyo, bayakha ngeentsukwana le ndlu, siyamvuyela kakhulu umama,” kucacisa uMapete.

Kuthiwa uceba wakwaWadi 10 uNosipho Sibeko ufikile naye ezo kuqinisekisa ukuba ide yakhiwa le ndlu.

“Wayithetha uceba into yokuba indlu le yakhiwe emva kokuba kubonwe inqaku kwiphephandaba iSolezwe, wayicacisa ukuba bazibone benyanzelekile ukuba bakhawulezise ukwakhela umama uQokolwana, siyabulela kwiSolezwe,” uhambisa atsho uMapete.

Ingingqi yaseMcwangele imi kwindawo enengqele emandla ngexesha lasebusika nanjengoko isabelana ngemida nedolophuu yaseDordrecht. “Ubusika buzakufika ndihlala kwindawo ephucukileyo ngoku, ndilala kamnandi ndingenaxhala lakunethwa okanye ukugodola yingqele,” kutsho uQokolwana.

Olu ncedo lubangele ukuba kwakhiwe nendlu yangasese ngokukhawuleza kweli khaya, ngoko umama uNotisi Qokolwana uphila impilo efana neyabanye abantu.