Iindaba

Kubanjwe abarhanelwa ababini abayanyaniswa nokubulawa kukaDitebogo Phalane Jr (5)

Cwayita Nondula|Published

UDitebogo Phalane Jr oneminyaka emihlanu ubudala owadutyulwa wabulawa. UMFANEKISO: X/Gift Makoti

UDitebogo Phalane Jr oneminyaka emihlanu ubudala owadutyulwa wabulawa. UMFANEKISO: X/Gift Makoti

Amapolisa aseGauteng abambe abarhanelwa ababini abayanyaniswa nokubulawa komntwana oneminyaka emihlanu uDitebogo Phalane Jr owadutyulwa ngethuba kuqweqwediswa imoto kayise eSoshanguve.

UMkomishinala waseGauteng uLieutenant General Tommy Mthombeni uthe ngethuba ethetha noonondaba ngoLwesine ukuba aba barhanelwa babini babanjwe eSoshanguve, kumantla ePitoli.

“Uphando lukhokelele amapolisa kwiidilesi ezithile eSoshanguve, apho sibambe abarhanelwa ababini kwiindawo ezahlukeneyo.

“Umrhanelwa wokuqala ufunyenwe enompu ongenaphepha-mvume kwaye kwenye indawo siphinde safumana umrhanelwa wesibini engekude kakhulu kwindawo yexhwayelo naye enompu ongenaphepha-mvume,” utshilo uMthombeni.

UMthombeni uthi umpu ongenampepha-mvume ofunyenweyo kumrhanelwa wesibini unxulumene nokuqweqwediswa kwemoto okwenzeka ngo2023 eAkasia.

Umrhanelwa wesithathu ubaleka amapolisa kwaye akakabanjwa.

“Iqela emva koko lidlulele kwindawo yesithathu kodwa alizange limfumane umrhanelwa wesithathu, nowabaleka amapolisa,” utshilo uMthombeni.

Kule ndawo yesithathu bafumene imoto ekubikwa ukuba ibibiwe eMabopane kwaye kukholelwa ukuba yasetyenziswa ngethuba kuqweqwediswa imoto kayise wale nkwenkwana, uDitebogo Phalane Sr.

UMthombeni uqhube wathi imipu emibini efunyenwe kubarhanelwa ithunyelwe kwicandelo lamapolisa elijongene novavanyo lwemipu ukuze liqinisekise ukuba ayinanto yokwenza neekhatriji ezimbini ezifunyenwe kwindawo yexhwayelo.

Ukwathe omnye wabarhanelwa ngummi waseMzantsi Afrika kwaye bakholelwa ukuba abanye abarhanelwa ngabemi bangaphandle.

Abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.

Le nkwenkwana yadutyulwa yabulawa kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu ngethuba ibaleka ukuyakwamkela uyise ngaphandle.

Uyise wayefika ekhaya xa abaqweqwedisi beqalisa ukuqweqwedisa imoto yakhe.