Iindaba

Inkwenkwana ibulewe ngethuba kuqweqwediswa imoto

Cwayita Nondula|Published

UDitebogo Phalane Jr kunye notata wakhe uDitebogo Phalane Sr. UMFANEKISO: GIFT MAKOTI/X

UDitebogo Phalane Jr kunye notata wakhe uDitebogo Phalane Sr. UMFANEKISO: GIFT MAKOTI/X

Inkwenkwe eneminyaka emihlanu (5) ubudala egama linguDitebogo Philane Jr ibulewe ngethuba kuqweqwediswa imoto eSoshanguve, ePitoli ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Isithethi sosapho uGift Makoti ethetha nejelo leendaba uthi uDitebogo Jr ebengaphandle ukuza kwamkela utata wakhe uDitebogo Phalane ofike ngemoto.

“Waphuma uDitebogo Jr ebaleka ukuya kubulisa utata wakhe phandle, ngelishwa ngelo xesha aba baqweqwedisi bebesele bekhombe utata wakhe ngompu.

“Omnye wabaqweqwedisi waqalisa ukudubula yaza enye yeembumbulu yabetha lo mntwana uneminyaka emihlanu (5) ubudala. Ndikwamele ndiyibeke icace into yokuba uDitebogo Phalane akazange ajijisane nabo ngesithuthi, kwathathwa isithuthi kwaye asikayazi ukuba kwakutheni ukuze badubule kuba ebesebenzisane nabaphangi,” utshilo uMakoti.

Le nkwenkwana ibalekiselwe esibhedlele kodwa yafunyanwa ibhubhile ukufika kwayo.

UMakoti uthi wonke umntu uxhelekile, uluntu lucaphukile, kwaye izihlobo nosapho bayeza ukuza kunika imbeko.

“Usapho aluthuthuzeleki, sinethemba lokuba baya kufumana intuthuzelo kubantu abangena bephuma ekhayeni labo.

“Nantoni na evela emapoliseni ingathumela ithemba kusapho nasekuhlaleni kuba izinga lolwaphulo mthetho liphezulu eSoshanguve.

“Nantoni na enokukhokelela ekubeni babanjwe abenzi bolu lwaphulo mthetho lumasikizi, oko kuya kuzisa intuthuzelo kolu sapho. Bangafumana isithuthi esitsha kodwa abanakuphinda bamfumane unyana wabo,” utshilo uMakoti.

Amapolisa aqinisekise ukuba livuliwe ityala lokubulala nokuqweqwediswa kwemoto ukuze kuphandwe kwaye basakhangela abarhanelwa.

“Inani elingekaqinisekiswa labarhanelwa abaxhobileyo baqweqwedisa iveni yalo tata yohlobo lweToyota emhlophe badubula inkwenkwana eneminyaka emihlanu (5) eyabhubhela esibhedlele,” sitshilo isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Mavela Masondo.

Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokunceda kuphando okanye ukuncedisa ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele iCrime Stop ku-08600 10111.