UMakalo Mohale nguMphathiswa weSebe lezeMfundo eFreyistata.
Kuthiwa abantwana besikolo ababini abaphuma kwizikolo ezahlukeneyo bebesendleleni egodukayo ngoLwesithathu wale veki, umhla wesibhozo kuCanzibe ka2024 malunga nentsimbi yesine malanga ngethuba kusenzeka umlo phakathi kwala makhwenkwe mabini. Uphando lokuqala ludiza ukuba inkwenkwana eneminyaka elithoba ubudala yathatha imela kwikhaya layo elikufuphi yaza yabuya, yahlaba le nkwenkwana eneminyaka elishumi elinanye ubudala.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Stephen Thakeng, amapolisa axelelwe ngesi sehlo nathe xa efika afumana inkwenkwana eneminyaka elishumi elinanye esanxibe iyunifomu yesikolo ilele ngaphakathi kwinqwelo yezigulana inenxeba lokuhlatywa kwicala lasekhohlo esifubeni.
“Aboncedo lokuqala balatha imela yentsimbi esilivere enesiphatho esimnyama phantsi.
“Le nkwenkwana iqinisekiswe njengebhubhileyo kwindawo yexhwayelo kwesinye sezitalato zaseNomzamo Park, eMajwemasweu, eBrandfort. Umama uchaze umfi njengonyana wakhe,” utshilo uThakeng.
Omabini amakhwenkwe ngabafundi bakaGrade 4 kwizikolo zamabanga aphantsi ezahlukeneyo eBrandfort. Uphando sele lubhalisiwe kwaye umntwana oneminyaka elithoba unikezelwe kubazali bakhe ukuze adluliselwe koonontlalontle.
Umrhanelwa (le nkwenkwe ineminyaka elithoba ubudala) ngokutsho kukanina ukhalaze ngokungcungcuthekiswa yile nkwenkwana ibhubhileyo kunye nobhuti womfi othe wasiwa kwisikhululo samapolisa ekuseni ngoLwesine.
UMphathiswa wezeMfundo eFreyistata uMakalo Mohale uvakalise umothuko esithi zonke izikolo kufuneka zibe yindawo ekhuselekileyo kubafundi nootitshala.
“Sithatha eli xesha ukuthumela amazwi ovelwano kusapho, abahlobo kunye noluntu lwesikolo ngeli xesha lentlungu. Akukho mazwi anele ukubonakalisa intlungu yethu yokubhubhelwa ngumntwana.
“Siyathemba ukuba usapho luza kuthuthuzeleka lulwazi lokuba nathi sisabelana ngentlungu yalo yokulahlekelwa ngumntwana,” utshilo uMohale.
UMphathiswa ukwazigxekile naziphi na izenzo zokuziphatha kakubi kwabafundi eziquka ukungcungcuthekisa abanye abafundi kwaye wabongoza abazali ukuba bancedise ekunyanzeliseni ukuziphatha kakuhle esikolweni nangaphandle kwesikolo.
Esi sehlo senzeke phambi kwabanye abafundi abebesendleleni egodukayo. ISebe lithe abo bajongana neenkonzo zempilo yengqondo nezentlalo baye basasazwa kuzo zombini izikolo ukuba babonelele ngoluleko ngokwasemphefumlweni.