Uyise (50) uzinikele kwisikhululo samapolisa aseKamesh eGqeberha emva kokubhubha konyana (18) wakhe ngenxa yokuhlatywa izolo, ngeCawe yomhla wama31 kweyoKwindla ka2024.
Ingxelo yesithethi samapolisa eMpuma Koloni uKapteni Sandra Janse van Rensburg ithi, ngeCawe malunga nentsimbi ye11:52, amapolisa aye kuphendula kwisikhalo sokubulawa komntu kwisibhedlele sePhondo.
“Ekufikeni kwabo, amapolisa axelelwa ukuba malunga nentsimbi yesixhenxe kusasa, ngeCawa umhla wama31 kweyoKwindla ka2024, umfana oneminyaka eli18 ubudala wangeniswa esibhedlele enenxeba lokuhlatywa emqolo.
“Kukwatyholwa ngelithi uyise walo mfana uzinikele kwisikhululo samapolisa saseKamesh, emva koko wabanjwa ngezityholo zokubulala. Iimeko malunga nokubhubha kwalo mfana zisaphandwa,” utshilo uJanse van Rensburg.
Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi ngoLwesibini, umhla wesibini kuTshazimpuzi ka2024.