Unongxowa wombutho weANC uGwen Ramokgopa. UMFANEKISO: Oupa Mokoena/African News Agency(ANA)
Unongxowa wombutho weANC uGwen Ramokgopa uthi utshaba lokuqala elisokolisa umbutho weANC lurhwaphilizo elixakileyo ngaphakathi kwala mbutho.
URamokgopa uthethe oku ngethuba ebekudliwanondlebe olulodwa kwakunye neziko leSABC enabisa iinjongo zombutho wakhe ukuya phambili. Le ngxoxo ibigxile ngamandla kumanyathelo amele ukuthathwa nasele ethathiwe ukuzama ukuloba.
“Asali ukuba kukho iingxaki neempazamo kumbutho wethu kodwa noko makungajongwa iimpazamo zethu zodwa,” kutsho uRamokgopa.
Uhambisa athi zininzi izigqibo abazithathileyo ezibuhlungu ukuzama ukulwa ingxaki yoburhwaphilizo olungaphakathi kulo mbutho.
“Sithathe izigqibo ezibuhlungu kakhulu amaxesha amaninzi, ezinye zichaphazela amalunga aziinkokheli zombutho weANC, konke oko sikwenza kwilinge lokulwa urhwaphilizo,” kutsho uRamokgopa.
UMongameli weANC uCyril Ramaphosa kutshanje ugxothe iiJaji ezimbini uJaji uJohn Hlophe kwakunye noJaji uMotala kwangeziganeko ezayamene norhwaphilizo.
“Inyaniso yeyokuba urhwaphilizo yeyona ngxaki yethu iphambili, kwaye urhwaphilizo lunwenwela lusuka kolunye ulawulo luye kolunye,” kutsho uRamokgopa.
URamokgopa uvume engavumi ukuba ngenene umninzi umonakalo owenzeke kweli ngenxa yorhwaphilizo olukhokelwe ziinkokheli zombutho wakhe.
“Asali kodwa ke makuvunywe ukuba ngenene ukhona umsebenzi owenzekileyo, kwaye nemali iyabuyiswa ngabo bafunyenwe bechaphazeleka kurhwaphilizo,” kucacisa uRamokgopa.
Uthi amapolisa namanye amaziko ajongene nokuqinisa igunya lomthetho, enza konke ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa abenzi borhwaphilizo.
“Akakho umntu ochaphazeleka kurhwaphilizo ozakuba kuluhlu lamalungu ethu azakuya epalamente, kodwa ke kufuneka ukuba singatyholi abantu abangachaphazelekiyo,” kutsho uRamokgopa.
Uthi inkqubo yokumiselwa bucala kwamalungu achaphazeleka kurhwaphilizo izakusebenza ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba kuliwa urhwaphilizo.
Zininzi iinkqubo zophuhliso kweli ezingahambeli ndawo ngenxa yokuba zichatshazelwe lurhwaphilizo olubangela ukungahambeli phambili kweenkqubo zikarhulumente.
“Siza kubuya sicacise kakuhle ngeendlela neenzame zethu zokulwa urhwaphilizo, akwaba abantu bangasamkela kwelokuba asiphiki zikhona zininzi iingxaki zokuphazanyiswa kweenkqubo zokugqithiswa kweenkonzo eluntwini,” uhambisa atsho uRamokgopa.
Kude kwangoLwesihlanu umhla wesibhozo kweyoKwindla kusalindeleke ukuba umbutho weANC ufake uluhlu lawo lamalungu azakumela lombutho epalamente kazwelonke nakumaphondo.
Kukho iingxelo zokuba olu luhlu lubanjezelwe kukuba kukho amagama angangenanga osaziwayo, logama kukwakho amagama angafanelekanga athe angena kolu luhlu.