Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala, uEphraim Matshela Madiba, owadlwengula wabetha ixhegwazana elineminyaka engamashumi asithoba (90) ugwetywe ubomi entolongweni yinkundla yengingqi yaseGroblersdal.
Ngokwengxelo, ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala ngo2022, umtyholwa waqhekeza kwindlu yeli xhegwazana e-Elandskraal wafumana imela enkulu ebizwa ngokuba yipanga kwigumbi lokulala lexhoba, nalapho walibetha ngale mela phambi kokuba alidlwengule. Emva koko wabaleka kwindawo yexhwayelo kunye nale panga.
Amapolisa axelelwe ngesi sehlo, avula amatyala odlwengulo kunye nokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa (GBH). Ixhoba lasiwa kwisibhedlele sasekuhlaleni ukuze lifumane unyango, utshilo osisithethi samapolisa eLimpopo uColonel Malesela Ledwaba.
Ityala lodlwengulo ladluliselwa kwicandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye nolwaphulo-mthetho ngokwesondo laseMokopane laza lanikwa uSajini uLesetja Langa ukuba enze uphando oluthe kratya.
Umrhanelwa wakhangelwa wabanjwa. Amapolisa aye ayifumene ipanga ebisetyenziswe ukubetha ixhoba inamachaphaza egazi.
Ukongeza kwisigwebo sobomi entolongweni, le ndoda ikwafumana isigwebo seenyanga ezingamashumi amabini anesine (24) entolongweni ngokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa, iAssault GBH ngelasemzini.
Le ndoda iza kuchitha ezi zigwebo ngaxeshanye.
UMkomishinala wamapolisa eLimpopo uLieutenant General Thembi Hadebe uncome umcuphi neqela lakhe ngokuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayasuswa kuluntu kwaye bagcinwe entolongweni.
“Siyasamkela isigwebo sobomi, kwaye siyavuya kuba ubulungisa benziwe ekugqibeleni,” utshilo uLieutenant General Hadebe.