Amapolisa abambe avalela amadoda amane arhanelwa ngobuqhophololo bamakhadi eebhanki ngethuba evale indlela uR61 ngaphandle kwaseFlagstaff ngoLwesihlanu, kwiveki ephelileyo.
Ingxelo ithi ngoLwesihlanu emalanga, amapolisa avale indlela, eqhuba ugqogqo kwiimoto kwindlela uR61, kufutshane naseFlagstaff, ngethuba ehletyelwa ngohlobo lwemoto eyiToyota Yaris emnyama enabarhanelwa abane.
Aba barhanelwa benze ubuqhophololo kumakhadi eebhanki wamaxhoba amabini, omnye eMount Fletcher, omnye eFlagstaff. Kuthe kamva amapolisa alubona olu hlobo lwemoto, ngokweenkcukacha ebezifumene, ze ayimisa, aqhuba ugqogqo.
Ngethuba kuqhutywa ugqogqo kule moto, amapolisa afumene amakhadi eebhanki, imali engange R4 730 kunye nomatshini wokubhatala (speed point machine).
Abarhanelwa babanjwe nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe emva kokuba ohlulakele ukuphendula malunga nezinto ezo zithe zathinjwa kubo ngamapolisa.
Imoto leyo bebeyiqhuba ithe yathinjwa nayo ukuze kuqhutywe uphando olunzulu, oku kulandela ukungangqwamani kweenombolo iVehicle Identification Number (VIN), kwanokufunyaniswa ukuba inombolo mbhalo ekule moto akusiyiyo eyayo.
Bobane aba barhanelwa baphakathi kweminyaka eyi-25 ukuya kweyi-40, kwaye kulindeleke bavele kwinkundla yamatyala eFlagstaff namhlanje. Aba barhanelwa bajongene nezityholo zokuba, kwaye kurhaneleka ukuba angongezwa amatyala ababekwe wona emva kophando.
UMajor General Phumzile Cetyana uncome umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa ukubamba aba barhanelwa.
“Iqela lethu labecuphi baza kusebenza ngokumandla ukuzama ukuqwalasela la madoda mane, kwaye athathe nethuba lokuqwalasela ukuba awekho na amanye amatyala abandakanyeka kuwo kwiPhondo leMpuma Koloni, kuquka namanye amaphondo,” utshilo uMajor General Cetyana.