Umbhali waseKenya kunye noNjingalwazi uNgũgĩ wa Thiong’o.
UNjingalwazi Ngũgĩ wa Thiong’o waseKenya ubhale iincwadi ezingaphezu kwamashumi amabini ngesiNgesi kwiminyaka elishumi elinesixhenxe, kwaye uyazisola ngoku.
Umhla wamashumi amabini ananye kule nyanga wamiselwa ukunika ingqwalasela kwiilwimi zenkobe.
“Ndingatsho ukuba ngosiba lwam ndidlale indima ukucinezela ulwimi lam lwenkobe, logama ndiqaqambise olunye ulwimi, isiNgesi ke ukutsho,” uzisola utsho uWa Thiong’o. Lengcungela yombhali ithetha ulwimi lwesiKiguyi ngokuzalwa kwayo kwiilali zaseKenya.
“Ulwimi lwakho lwenkobe luyinxalenye yezinto ezininzi ezikhoyo kwimpilo yakho, unxibelelwano, amasiko, izithethe, ukukhula nokuhlala kwakho kungolwimi lwakho,” kutsho uWa Thiong’o.
Uthi ingxaki yokutshatyalaliswa kweelwimi zaseAfrika yaqala emva kwengqungquthela yaseBerlin ngo1884.
“Ukudibana kwawo la madoda athatha isigqibo sokuba iilwimi ezi sesinye sezixhobo abazakuzisebenzisa ukucalula iAfrika,” kutsho uWa Thiong’o.
Namhlanje wonke amazwe aseAfrika athetha iliwimi ezingezizo ezawo zokuzalwa ngenxa yesigqibo sabo babechophe eBerlin ngo1884.
“EAfrika namhlanje kukho amazwe abizwa ngeelwimi ezinyanzeliswa kubantu baloo mazwe, isiFrentshi, isiNgesi, isiPhuthukezi nezinye,” kucacisa uWa Thiong’o.
Le Njingalwazi ixoxa banzi ngeengxaki ezambethe iilwimi zaseAfrika kwincwadi yayo ethi, ‘Decolonising the Mind.’
“Xa kwakuqalwa eli phulo lokubulala iilwimi zaseAfrika kwathunyelwa abantu ababephethe izinto ezimbini, imfundo ezikolweni kwakunye neBhayibhile, kwathiwa abantu mabanikwe amagama wesiNgesi, kwathiwa makuthethwe isiNgesi ezikolweni,” ugadlela atsho uNjingalwazi Wa Thiong’o.
Uhambisa athi oku kwabangela ukuba abo bangenamdla kwisiNgesi bashiyeke ngasemva kwimfundo eyayinyanzelwa.
“Xa ungaphumelelanga isiNgesi kwizifundo zakho, ubusenziwa ukuba ungapasi koko unyanzelwe ukuba uphinde ude uphumelele isiNgesi,” uhambisa atsho uWa Thiong’o.
Kwivangeli yakhe yokushumayela ukuhlonitshwa kweelwimi zeli uWa Thiong’o ukhe wenza intetho yesikhumbuzo ngobomi bukaSteve Biko eQonce.
“Emva kokuyeka kwam ukubhala ngesiNgesi abo babefunda iincwadi zam zesiNgesi bandibuza ngqo ukuba ngenene ndiyekile na ukubhala isiNgesi,” utsho uWa Thiong’o.
Le Njingalwazi ijikeleze kwiiYunivesithi ezininzi ehlabathini ithetha, ihlohla, ifundisa ikwakhuthaza uluntu ukuba babuyele kwiilwimi zabo zenkobe.