UMongameli Cyril Ramaphosa. UMFANEKISO: GCIS
Ngokugunyaziswa lisolotya lamashumi amane anethoba lomgaqo siseko weli, uMongameli Cyril Ramaphosa, uthi kuzakuvotwa ngomhla wamashumi amabini anethoba kuCanzibe walo nyaka.
Oku kulindeleke ukuba kubangele impithizelo emandla phakathi kweenkokheli zemibutho yezopolitiko nakwabo banomdla kwezopolitiko.
Olu lulonyulo lukazwelonke namaphondo ekulindeleke ukuba lutshintshe izinto ukuze kubonwe inguqu.
Ethetha ngolu lonyulo uMongameli we-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema, wenjenje: “Ulonyulo luka2024 kufuneka ukuba silufanise nolonyulo luka1994, kumele ukuba senze inguqu ngokususa umbutho olawulayo.”
UMongameli uCyril Ramaphosa wenza oku ekwakhuthazwa ngumthetho ojongene nolonyulo kweli iElectoral Act yonyaka ka1998. Ukuchazwa kwalo mhla kulandela indibano yakhe kunye neeNkulumbuso zamaphondo olithoba zelizwe loMzantsi Afrika.
Olu lonyulo luza kanye ngexesha apho ilizwe eloMzantsi Afrika lizakuba libhiyozela iminyaka engamashumi amathathu lafumana inkululeko. Ngenyanga kaTshazimpuzi ngo1994 abantu belizwe loMzantsi Afrika baba yimikrozo ukuya kulo nyulo besiya kuxhasa imibutho yabo.
Imibutho emidala eyayikho ngelo xesha iquka umbutho we-Inkatha Freedom Party (IFP) neminye eyajika amagama ayo.
Ethetha ngolu lonyulo uMongameli weli uCyril Ramaphosa uthe: “Ngaphande kokuzalisekisa uxanduva lethu olunyanzela ngumqaqo siseko, olu lonyulo lukwa ngumbhiyozo wethu wolawulo lentando yesininzi kweli.”
Ukwasebenzise eli thuba ukucela ebongoza abantu belizwe loMzantsi Afrika ukuba baphume ngobuninzi ukuya kumaziko okuvotela imibutho abayithandayo.
“Ndibongoza bonke abantu belizwe loMzantsi Afrika ukuba baphume ngobuninzi ukuya kusebenzisa igunya labo lokuba bayekuvotela abo bazakuba bejikeleza bekhangela inkxaso,” kucacisa uRamaphosa.
Ukwabongoze iinkokheli zemibutho yezopolitiko ukuba zikhankase ngendlela ethobela imithetho nangendlela enoxolo nenzolo.
Imibutho yezopolitiko imanxadanxada ijikeleza, icenga uluntu ukuba luyivotele, kwimpelaveki egqithileyo nakule kuzakuqhutyekwa nokwaziswa kwemiqulu yezithembiso yonyulo.