Umfundi oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala, kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseBolobedu ngaphandle kwaseTzaneen kungekudala, ngezityholo zokudlwengula umfundi oneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala ngoMgqibelo ebusuku, umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMdumba ka2024 kwilali yaseMookgo block 7 eMokwakwaila.
Ngokweenkcukacha ezifumanekayo ngeli xesha, isithethi samapolisa eLimpopo uColonel Malesela Ledwaba uthi, umama wexhoba encediswa yindoda yasekuhlaleni baya kukhangela ixhoba emva kokuba lingazange libuyele kowabo.
“Ngexa sasidlula kwindlu ethile, esi sibini seva umntu ekhwaza saza sangena ngokukhawuleza eyadini. Emva koko bakroba ngefestile babona umrhanelwa ehamba ze kunye nexhoba likhala.
“Umrhanelwa wabaleka kwindawo yexhwayelo. Ixhoba laye lacacisa ukuba lidibene nomrhanelwa esitalatweni laze larhuqelwa kwindawo umrhanelwa ahlala kuyo limnkula. Ekufikeni kwabo umrhanelwa wamdlwengula ephinda-phinda,” utshilo uLedwaba.
Amapolisa avula ityala lodlwengulo ngoko nangoko aqalisa ukukhangela umrhanelwa. Wabanjwa kungekudala emva kwesi sehlo.
UMkomishinala wephondo laseLimpopo uLieutenant General Thembi Hadebe uvakalise umothuko wathi umthetho kufuneka ujongane nobundlobongela obujoliswe kwisini ukuze abantwana bakhuseleke ezitalatweni ngaphandle koloyiko lokuxhatshazwa.