Iindaba

Baza kuthenwa abadlwengula abantwana eMadagascar

Cwayita Nondula|Published

Baza kuthenwa abadlwengula abantwana eMadagascar. UMFANEKISO: Gumpanat

Baza kuthenwa abadlwengula abantwana eMadagascar. UMFANEKISO: Gumpanat

Ipalamente yaseMadagascar ipasise umthetho ovumela ukuthenwa (ngemichiza nangotyando) kwabo bafunyenwe benetyala lokudlwengula umntwana.

Ipalamente yawisa lo mthetho ngomhla wesibini kweyoMdumba kwaye indlu yowiso-mthetho iwuphumeze kwiveki ephelileyo. Ngoku kufuneka ivunywe yinkundla ephakamileyo yomgaqo-siseko kwaye ityikitywe ibe ngumthetho nguMongameli uAndry Rajoelina, nowayengumntu wokuqala owaphakamisa lo mba kweyoMnga.

UMphathiswa wezoBulungisa uLandy Mbolatiana Randriamanantenasoa uthe linyathelo eliyimfuneko ngenxa yokunyuka kwamatyala okudlwengulwa kwabantwana eMadagascar.

Ngo2023, bekukho amatyala angama-600 okudlwengulwa kwabantwana, utshilo lo Mphathiswa, kwaye kukho amatyala ayi-133 avuliweyo kwinyanga yoMqungu kulo nyaka.

“IMadagascar lilizwe elizimeleyo elinelungelo lokuguqula imithetho yalo ngokunxulumene neemeko kunye nomdla wabantu ngokubanzi,” utshilo uRandriamanantenasoa.

Amatyala odlwengulo kubantwana abaphakathi kweminyaka eli-10 ne-13 aya kohlwaywa ngotyando okanye ukuthenwa ngemichiza. Ukudlwengulwa kwabantwana abaphakathi kweminyaka eli-14 ne-17 baza kohlwaywa ngokuthenwa ngemichiza.

Abaphuli mthetho baya kujongana nezigwebo eziqatha zobomi entolongweni kunye nokuthenwa.

“Besifuna ukukhusela abantwana ngakumbi. Ukuba umntwana umncinci, isohlwayo siya kuba sikhulu” utshilo uRandriamanantenasoa.

Ukuthenwa ngemichiza kukusetyenziswa kwamayeza ukuvala iihomoni kunye nokunciphisa umnqweno wokwabelana ngesondo. Olu hlobo lokuthenwa Iuyakwazi ukubuyiselwa umva ngokuyekiswa kwamachiza. Ngelixa ukuthenwa ngotyando yinkqubo esisigxina engakwazeki ukubuyiselwa umva.