UMongameli weIFP uVelenkosini Hlabisa.
Inkokeli yeNkatha Freedom Party (IFP) epalamente, uVelenkosini Hlabisa, ukhwele ezehlela kuMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba kuxoxwa intetho yobume besizwe.
Minyaka le amalungu epalamente anikwa ithuba lokuba axoxe encoma okanye egxeka intetho yobume besizwe eyenziwe nguMongameli.
I-IFP ngomlomo kaVelenkosini Hlabisa ikhokele ukuxhela, igxeka, igxibha intetho kaRamaphosa ngokungena lusini. UHlabisa uthi lulwimi etywaleni into yokuba kukho into ephucukileyo eyakhe yenziwa yiANC ngethuba lokukhokela kwayo.
“Ukusukela ngo1994 ukuya ku1999 ilizwe loMzantsi Afrika belikhokelwe ngendibanisela, kwaye ngelo xesha belisenza kakuhle kakhulu, i-IFP ibiyinxalenye yolo lawulo,” kutsho uHlabisa.
Uthi ngelo xesha ulwaphulo mthetho, amathuba emisebenzi, iindlela, nombane zazingcono kunangoku.
“Yonke le ngxaki sikuyo iqale emva kokuba iANC ilawule ilizwe loMzantsi Afrika iyodwa, lakhula ulaphulo mthetho, yakhula intswelo ngqesho kwatsho kwacima nombane,” ucacise watsho uHlabisa.
Uhambise wathi asikho isizathu sokuba bafihle inyaniso kule nkokheli yeANC ukuba ilizwe libuyele umva ngenxa yolawulo leANC.
“Abantwana abakwazi kungena kumaziko emfundo ephakamileyo, iNSFAS ayinamali yokungenisa abantwana ezikolweni, ziintsomi kwa ezi nthetha ngoTintswalo,” kutsho uHlabisa.
Akayishiyi ngaphandle ingxaki yokucima kombane nokubanjwa ngobhongwane kolawulo kukarhulumente ziinkampani zabucala.
“Bangaphi abaphathiswa abatyholwa ukuba bayachaphazeleka kwingxaki yokubanjwa kukarhulumente ngobhongwana? Bangaphi abakhe batshutshiswa ngenxa yoko?” ugadlele watsho uHlabisa.
Inkokheli yeUDM uBantu Holomisa ugxile ngamandla kwinto ayibize ngokuba kukuxokiswa kwelizwe ngokwenza umzekelo wempilo engcono kaTintswalo.
“Lo Tintswalo usixelela ngaye, abazali bakhe nootata omkhulu bakhe bayasokolo, bafuna imali yabo yasemigodini, nika abantu ababesebenza emigodini imali yabo ndoda,” kutsho uHolomisa.
Ububhutyubhutyu obenziwe ziinkokheli zombutho weANC ukusukela ngo1994 buwenzele umdintsi lo mbutho kuninzi labantu boMzantsi Afrika.
URamaphosa kwintetho yakhe uzamile ukuqhayisa ngomsebenzi omhle owenziwe ngurhulumente weANC.