Kubanjwe indoda eneminyaka eyi25 kuLwesihlanu weveki ephelileyo, nekufunyenwe kuyo iziyobisi kwisixeko saseMthatha, nalapho ibiqhuba isithuthi sayo ekusolwa ukuba ibihambisa ngaso ezi ziyobisi.
Ingxelo ithi, iqela lamapolisa akwiphulo lokulwa ukuthengiswa kweziyobisi kule dolophu afumene umkhondo, nathe awulandela ze afumana imoto athe enza ugqogqo kuyo. Amapolisa aye afumana iipakethe zohlobo lwesiyobisi itiki, kunye nemali phantsi kwemethi yemoto.
Umrhanelwa uthe wakhokelela amapolisa kwindawo ahlala kuyo eSibangweni, nalapho efumene ezinye iipakethe zetiki nexabiso layo liqikelelwa kwiR40 000. Kukwafunyenwe nesixa semali esingachazwanga kuquka nompu ongenguwo owamanyani.
Ukanti imoto le ibiqhutywa ngumrhanelwa kufunyaniswe ukuba ibiwe eBhekithemba, kwiPhondo laKwaZulu-Natal.
Kungoku nje, lo mrhanelwa uselugcinweni lwamapolisa eMadeira, eMthatha.
Ukanti uza kuvela kungekudala kwinkundla yamatyala eMthatha, ngezityholo zokuba neziyobisi nokuzithengisa, kuquka nokuba nemoto ekusolwa ukuba ibiwe.