Iindaba

SONA: Kwenzeke ntoni kule minyaka?

Siyabulela Mqikela|Published

SONA: Kwenzeke ntoni kule minyaka? UMFANEKISO: Bongani Mbatha/African News Agency (ANA)

SONA: Kwenzeke ntoni kule minyaka? UMFANEKISO: Bongani Mbatha/African News Agency (ANA)

Intetho yobume besizwe soMzantsi Afrika ezakothulwa nguMongameli uCyril Ramaphosa ibaluleke kakhulu kunezinye iintetho ezikhe zenziwa ngaphambili.

Eyona nto iyenza ukuba ibaluleke kakhulu kukuba kubo bonke abakhe bangoomongameli kwiANC nakweli, yena unikwe ithuba lokuvala iminyaka engamashumi amathathu okuphatha kwabo. Ukungena kwabo aba bantu banyanzeleka ukuba bathembise abantu ngezinto ababesithi bazakuzenza.

Kumele ke ngoku ukuba uRamaphosa abalisele abantu boMzantsi Afrika ngenani lezindlu ezakhiweyo, inani labantu abakhelwe izindlu, izibhedlele ezakhiweyo, iikliniki, izikolo, iindlela namathuba emisebenzi ethe yenziwa.

Khumbula ukuba lo mbutho uphetheyo ungene elulawulweni kwilizwe ebelinako konke okudingwa ngabantu, owona msebenzi wabo ikukuqhubela phambili iinkqubo zophuhliso.

Ingaba zingaphi izikolo zodaka ezithe zakhiwa ukuba zibe zizikolo ezisemgangathweni kwilizwe loMzantsi Afrika? Zingaphi iindlela ezidibanisa abantu nezinye iindawo zabo zokuhlala ezithe zenziwa kuzwelonke?

Kweli xesha leminyaka engamashumi amathathu zingaphi iiblorho ezakhiwe ngeli xesha lokulawula la madoda? Bangaphi abantu boMzantsi Afrika abafumana amanzi acocekileyo ngaphandle kwengxaki?

Kaloku amanzi yenye yezinto ekukudala kuthenjiswa ngayo ukuba iyakufumaneka simahla kwintlalo yabantu. Kumalinge okuzidalela amathuba emisebenzi eluntwini, amanzi la adlala indima ebalulekileyo. Bangaphi abantu abamnyama abafumene ithuba lokuthatha inxaxheba kwimeko yezimali ngokulingana nabanye abantu bezinye iintlanga kweli?

Zingaphi iihektare zomhlaba ezithe zanikwa abantu abamnyama abathathelwa umhlaba ukusukela ngeminyaka yoo1800? Mangaphi amathuba emisebenzi athe enziwa nguRhulumente weANC ukusukela oko uqalile ukulawula kweli? Amathuba emisebenzi kaloku anefuthe elihle kwimeko yokukhula kwemo yezimali kweli.

Ingaba likhulile inani labantwana abamnyama abafumana inkxaso yemali yokufunda ukuze bangene kwiiyunivesithi zelizwe loMzantsi Afrika? Le minyaka ingamashumi amathathu okuphatha kwalo mbutho iqaqambe ngokulahleka kwemali ethathwa kwimali yabarhafi. Ingaba bangaphi abantu ababanjwe batshutshiswa ngenxa yokuthatha imali kaRhulumente ngobusela.

Ukungena kwawo lo mbutho elulawulweni kwakukho iinkampani ezifana noEskom, Transnet, Post Office, Metrorail nezinye zonke ezaziphantsi kwaloRhulumente. Ingaba kwenzeke ntoni kwezi nkampani ukusukela oko kwaqala ulawulo lalo mbutho ukusukela kwiminyaka engamashumi amathathu egqithileyo. Minyaka le kuchithwa imali yokulungiselela ukwenziwa kwale ntetho kaMongameli, loo mali ithathwa kwimali yabarhafi.

Ihlazo lokugqibela kule minyaka engamashumi amathathu lelo kuba le ntetho yenzelwa kwizakhiwo zeholo yedolophu yaseKapa. Oku kungenxa yokuba izakhiwo zepalamente zatshiswa ngumlilo, kwaye akukho nto icacileyo iqhubekayo ngalo nto.

Kumele ukuba uRamaphosa aqhayise ngezo acinga ukuba ziyimpumelelo yakhe, kodwa axelele abantu ngomonakalo owenzeke phantsi kolawulo lo mbutho wakhe. Ukuba uyathanda ungatsho ukuba le minyaka ingamashumi amathathu igqithileyo ibeyiminyaka yelahleko kubantu beli.