Iqela lamapolisa aseOR Tambo libambe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ngokuthengisa iziyobisi kwirenki yaseMamela izolo, ngoLwesihlanu.
Amapolisa ebejikeleza kwidolophu yaseMthatha ngethuba emisa emva koko agqogqa umrhanelwa afumana iziyobisi. Eli qela lohluthe iplastiki eyayineeplastiki ezincinci ezisongiweyo zetiki nentsangu kunye nesixa semali esingachazwanga, sitshilo isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo.
Umrhanelwa ubanjwe ngamatyala amabini: ukuba neziyobisi kunye nokuthengisa iziyobisi.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eMthatha ngoMvulo we-15 kweyoMqungu ka2024.
Kwezinye iindaba ezinxulumene neziyobisi kweli phondo, iphulo iSafer Festive Season Operations eliqhutywa ngamapolisa kwicandelo leCrime Intelligence kunye neTask Team, libe neziphumo ezihle ngethuba libambe abarhanelwa ababini ababeneziyobisi Ezibeleni ngaphandle kwaseKomani ngorhatya lwangoLwesine wale veki.
“Amapolisa ebexakekile ejikeleza kwiindawo ezinolwaphulo mthetho xa efumana ulwazi olubalulekileyo malunga namadoda aneziyobisi. Indlu iye yafunyanwa yaza yagqogqwa nalapho amapolisa afumana imandrax, itiki kunye necocaine exabisa iR200 000,” sitshilo isithethi samapolisa uCaptain Namhla Mdleleni.
Aba barhanelwa babini abaneminyaka engamashumi amathathu anesithoba (39) namashumi amane (40) babanjelwe ukuthengisa iziyobisi kwaye kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi Ezibeleni kungekudala.
UMkomishinala wesithili saseChris Hani uMajor General Adolph uncome amapolisa ngokuzinikela kunye nomsebenzi wawo omkhulu wokucoca izitalato zaseChris Hani ngokususa iziyobisi.