Umprofeti ongasekhoyo uTB Joshua waseNigeria.
Abantu bothukile zizityholo ezibekwa umvangeli kamabonakude ongasekhoyo, uMprofeti waseNigeria uTemitope Balogun Joshua (TB Joshua) emva kwenkqubombaliso eyahlulwe kathathu yeAfrica Eye yejelo losasazo laseBritani iBBC.
Le nkqubombaliso ipapashwe kuYouTube, enesihloko esithi, “Disciples: The Cult of TB Joshua,” ibonisa ubungqina bevidiyo bamangqina aliqela ebeka izityholo ngakulo Mprofeti ungasekhoyo.
Ngexesha lophando lweminyaka emibini, iBBC yafumanisa abantu abaninzi abazibonela ngawabo amehlo ubundlobongela obusenyameni okanye intuthumbo eyenziwa nguJoshua, kubandakanya ukuxhatshazwa kwabantwana kunye nokubethwa kwabantu kunye nokubotshwa ngamatyathanga.
Uphando luphinde lwafumanisa uninzi lwabasetyhini abathi baxhatshazwa ngokwesondo nguJoshua, kunye nenani elibanga ukuba badlwengulwa ngokuphindaphindiweyo iminyaka ngaphakathi kwesakhiwo.
Zininzi izityholo zokukhupha isisu ngenkani ecaweni emva kwezityholo zokudlwengulwa nguJoshua, eziquka omnye owasetyhini othi kwafuneka akhuphe isisu sakhe izihlandlo ezihlanu.
Kwakukho izityholo ezininzi zemimangaliso yobuxoki okanye ukuphiliswa okwenziwe nguJoshua okwasasazwa kwizigidi zabantu kwihlabathi liphela.
Bangaphaya kwamashumi amabini anesihlanu (25) abalandeli abathe bathetha neBBC, uninzi lwamalungu abeke ezi zityholo aphuma eMelika, eBritani, eNamibia, kunye naseMzantsi Afrika.
Uphando lukwakhangele iinkcukacha ezinzulu malunga nokudilika kwesakhiwo ngenyanga yoMsintsi ka2014 apho indlu yeendwendwe zeSynagogue Church of All Nations kaJoshua, yadilika, yabulala abantu abangaphezu kwekhulu ababesuka kumazwe angaphandle.
Liphendula kwizityholo ezibekwa uJoshua, ibandla libhale lathi, “Ukwenza izityholo ezingenasihlahla ngakuMprofeti uTB Joshua asiyonto intsha ukwenzeka. Akukho nasinye kwezi zityholo esakhe saqinisekiswa.”
UTB Joshua, owasweleka ngo2021, wayengumshumayeli ophumeleleyo kunye nomvangeli kamabonakude owayenabalandeli abaninzi kwihlabathi liphela.
Ibandla lisaqhubeka likhula nanamhlanje, phantsi kokhokelo lomhlolokazi kaJoshua, uEvelyn.