IKumkani onqunyanyisiweyo wesizwe sakwaZulu uMisuzulu kaZwelithini.
Inkundla ephakamileyo ePitoli iyalele uMongameli weli uCyril Ramaphosa ukuba amisele uphando ngokutyunjwa kweKumkani yesizwe sikaZulu uMisuzulu kaZwelithini. Oku kusemva kokuba la nkundla ithe ukutyunjwa kukaMisuzulu kunyaka ophelileyo kwenziwa ngendlela engekho semthethweni.
Oku kuthetha ukuba uMisuzulu akayiyo iKumkani yamaZulu de kukhutshwe enye ingxelo emngqinelayo okanye ephikisa isigqibo sale nkundla.
Ukungena kwakhe esikhundleni nje ngeKumkani yesizwe sakwaZulu kwafumana imiceli mngeni esuka kwamanye amalungu akomkhulu aquka uNkosi uSimakade onguyisemncinci.
IKumkani yesizwe sakwaZulu uGoodwill Zwelithini ukhothame ngo-2021, emva kwakhe kwalandela uthuli lweyantlukwano kwilakhaya. UGoodwill Zwelithini ukhokele esa sizwe isithuba seminyaka engamashumi amahlanu ngempumelelo.
UZwelithini ushiye emhlabeni abafazi bakhe abathandathu nabantwana angamashumi amabini anesibhozo. Ukubhubha kukaNkosi Mangosuthu Buthelezi kuvule ikroba elicacileyo kwabo bebechase ukulawula kukaMisuzulu.
UButhelezi usebenze nzima ukuqinisekisa ukuba ubuKumkani bakwaZulu buhlala bunesidima sabo. Lo kaButhelezi ubhubhe bungebuhle ubuhlobo phakathi kwakhe noMisuzulu kaZwelithini.
UMusa Xulu yingcali nomhlalutyi wemicimbi yemveli nezopolitiko othanda ukuthetha banzi ngeengxaki zobuKumkani bakwaZulu.
“Inyaniso kukuba zikhona iimpazamo ezenziwayo ngethuba kubekwa uKumkani uMisuzulu kaZwelithini, ingxaki yaba kukuba abantu bebesoyika ukuthetha nje ngesiqhelo,” kutsho uXulu. Kuthiwa umthetho olawula amasiko nezithethe kweli awukhange ulandelwe ngethuba kutyunjwa uMisuzulu kaZwelithini.
“Zilishumi elinesibini izindlu ezinkulu zakwaZulu ekumele ukuba zithatha isigqibo ngeKumkani ezakukhokela, ezinye kwezi zindlu bezingamenywa xa kuxoxwa izigqibo ezikhokelele ekulawuleni kukaKumkani Misuzulu kaZwelithini,” kutsho uXulu.
Ezinye iingcali zembali kaZulu zithi liyehla ixabiso nesidima sobuKumkani kwaZulu nakwezinye izizwe ezimnyama kweli le Afrika.