• Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
I'solezwe lesiXhosa
I'solezwe lesiXhosa liphephandaba lesiXhosa elipapasha iindaba yonke imihla kumnatha wonxibelelwano. Singooqal'azive abahleli bebaze iindlebe ngeenjongo zokuphakela wena, mfundi wephepha, iindaba ngokukhawuleza nangobunjalo bazo.
Sections on Isolezwe lesiXhosa
  • Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
Our network
  • Athlone News
  • Atlantic Sun
  • Bolander
  • CapeTowner
  • Constantiaberg Bulletin
  • DFA
  • False Bay Echo
  • I'solezwe lesiXhosa
  • Northern News
  • Plainsman
  • Sentinel News
  • Southern Mail
  • Southern Suburbs Tatler
  • TableTalk
  • Vukani
  • DurbanLocal
© 2025 Independent Online and affiliated companies. All rights reserved.
Press CodePrivacy PolicyTerms & ConditionsAdvertise with usContact UsComplaints Procedure
Iindaba

Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023

Siyabulela Mqikela|Published 1 year ago

Uphando olwenziwe yiEskomSePush ibambisene neThe Outlier luveze ingxelo yokuba umbane ucime iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi amathathu anesibini kulo nyaka ka-2023.

Oku kuthiwa kubonakalisa ukunyuka kwezinga lokucima kombane kweli xa kuthelekisa nonyaka ophelileyo u-2022. Le ngxelo ithi kunyaka ophelileyo umbane umnke izihlandlo ezingamakhulu amabini anesihlanu kuphela. Kusele iintsuku ezilishumi elinesibini kuphela kulo nyaka ka-2023, kwaye kuyaqhubeka ukuhamba kombane.

Oku kuhamba kombane kwenzeka nangona uMongameli weli uCyril Ramaphosa wathembisa ukuba izakuphela ingxaki yokucima kombane.

Ukucima kombane kuchaphazela amanqanaba ahlukeneyo entla, kuquka ushishino kwakunye nezolimo nokufuya. Ukusilela kwamaziko aphambili aquka iMatimba, Majuba, Medupi kwakunye neKusile ngawona maziko abangela ingxaki yokumnka kombane.

Ethetha ngethuba kumiselwa inkqubo yokhuseleko yexesha lasehlotyeni uMphathiswa wamapolisa kweli uBheki Cele uthi abanakuyeka ukubamba bavalele abo baphazamisa inkqubo yokugqithiswa kombane.

UIzaak Breitenbach weSouth African Poultry Association uthi ingxaki yokumnka kombane iwabuyisele emva amafama avelisa inyama yenkukhu kweli. “Kuzo zonke iingxaki esihlangabezene nazo, ingxaki yokuhamba kombane isityele imali nexesha ngolona hlobo,” kutsho uBreitenbach.

“Ukubanjwa kuvalelwe abantu abangamakhulu amabini anesixhenxe ngenxa yokuphazamisa inkqubo yokuveliswa kombane, ngumsebenzi oncomekayo, ngaphandle koko sikwazile ukuvala amaziko angamashumi amathandathu anesithathu ebevelisa amalahle omgunyathi, ngumsebenzi omhle lowo,” kutsho uCele.

Ngelizama ukulwa ingxaki yokucima kombane amapolisa akwazile ukuthathela kuwo izixhobo zokuphehla umbane ezixabisa ikhulu namashumi asibhozo ezigidi.

“Ngaphandle koko sikwazile ukuthathela kuthi ilahle ebelibiwe elixabisa ishumi elinesine lezigidi zeerandi, konke oku zinzame zokulwa ukucima kombane,” utsho uCele.

Uthi ngamaphondo amahlanu abangene kuwo kwisithuba seenyanga ezimbini ezigqithileyo besilwa namaqela ezaphula mthetho aphazamisa ukuveliswa kombane.

UJames Mackay we-Energy Council of South Africa uthi likhona ithemba lokuba uzakuphela ucimi cimi wombane.

UJulius Malema oyinkokheli ye-EFF wagxeka uRhulumente ngenyathelo lakhe lokwenza ukuba umbane ubekho ngaphandle kweengxaki xa bekudlalwa itumente yehlabathi yombhoxo.